Uwile, waphakama efuna ukuba nguMr SA

EMVA kokuphoswa lithuba lokungenela uMr SA kunyaka ka2020 ngenxa yokuhlutshwa luxinzelelo lwengqondo, ngoku ityendyana laseQonce liphinde lazivuthulula lathabathisa kwakhona.

USiyanda Xegwana uphakathi kweenzwana eziza kutshayisana eqongeni ngelizama ukubuya nesicoco sikaMr South Africa 2022.

UXegwana, 25, ngumfundi kwizifundo zoLwazi ngoBuchwepheshe (IT) kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu. Uqale ukucondoba ngoka2017 ngethuba elolongwa yiApollo Management eKapa.

UXegwana ukhulele kwidolophu yaseKapa naseThekwini, kodwa ngoku uhlala ekhaya eMonti.

Uthi uqale eseneminyaka eli16 ukuziva elahlekana nobuyena ngenxa yoxinzelelo lwengqondo.

Uchaza iimpawu abe nazo ezifana nokuphulukana nomdla kwizinto ebezithanda njengebhola ekhatywayo nehockey, ukucaphuka ngesiquphe, ukuphelelwa lithemba kwinto yonke abe yenza, ekwaziqelelanisa nabanye njalo njalo.

“Ndandifuna ukungenela ngo2020 kodwa zange ndikwazi. Ngaphandle kwesimo sam sezemali ngelo xesha, ndaye ndafunyanwa ndibonisa iimpawu zomvandedwa. Ngoko ndandingekakulungeli ukuzifaka kwinkqubo enkulu njengoMr SA,” kubalisa uXegwana.

Xa kusithiwa makazibalule ngamagama ambalwa uthi uyinzwana ethobekileyo, eyohlukileyo nelahlekileyo ngenxa yoxinzelelo lwengqondo.

UXegwana ukholelwa ukuba akudingeki ubani abukeke ngokwenkangeleko kuphela ukuze angenele ukhuphiswano lukaMr SA.

“Kona ndiyakholelwa ukuba ndifanele ukungenela, kodwa akudingeki ube mhle ukuze ubani aphumelele itayitile yolu khuphiswano. UMr SA ngumntu ekufuneka abe yinkuthazo nomzekelo kwiintanga zakhe kwanolutsha, kwaye ndiyazazi ndinazo ezo mpawu.”

UXegwana akakho mtsha kukhuphiswano olulolu hlobo. Ngo2018 wangenela ze waphumelela kuMr & Miss Walter Sisulu University BCC. Uphindile ngo2019 wajika kwindawo yokugqibela kuMr & Miss Berlin November.

Uthi bekudingeka aphinde aphakame azivuthulule kuba ufuna abo bazintanga zakhe babe nomntu abaza kujonga kuye.

Ukuzigcina ebukeka, uXegwana uye azivocavoce ekhaya, ahlambe ubuso ngamanzi adikidiki rhoqo kusasa, abuqabe ubuso ngezinongo zobubugcina busempilweni, kwaye ahambele qelele kukutya okuswiti nokunamafutha.

Ngaphandle kokuchitha ixesha lakhe eqhuba iBolt eMonti, eli tyendyana likwazigcina lixakekile kwiTC Model Management. Ukwaqeqesha ezinye iidyongwana ezinomdla wokucondoba eOur Legacy eQonce.

UXegwana unephupha lokuzibeka kwindawo ephezulu kweli candelo.

Xa ufuna ukumvotela ungathumela umyalezo omfutshane othi MRSA19 uthumele kwinombolo engu40439. Umyalezo ngamnye uxabisa iR2 kwaye uvota kangangoko ufuna.

Ukhuphiswano lukaMr SA lubanjwa ekuzeni kuphela konyaka.