Uxwaxwiwe umdlali woZalo ngenxa yendima yakhe

UFUMENE ubunzima umdlali woZalo ngendima ayidlalayo ngethuba exwaxwa ngabantu abebeyinxalenye yomsitho wokuvula unyaka iMgababa New Year’s Picnic eThekwini ngeNyibidyala.

UKhaya Dladla, odlala indawo kaGC kuZalo, ungene kulo msitho enxibe isikhinda esincinane. Uthe xa ebamba umboko ebuza ukuba bakhona “ofarm Julia la” abantu bavele bamxwaxwa bephakamise umnwe ophakathi. U-GC waziwa kakhulu ngendima yakhe yokudlala umntu othandana ngokwesini esinye.

Uninzi lwabantu bebengamfuni eqongeni kulo msitho, bembombozela. Naye ke uthe xa ebona oku wehla eqongeni.

Lo ka-GC indima yakhe uyigqibezele sele emi ngemva, kucaca ukuba wothuke kakhulu kukungamkeleki.

U-GC ebeqhele ukubiza ngolu hlobo uNombuso, umlinganiswa osele ebhubhile, owayedlalwa nguThandeka Zulu.

Ekrwecwa malunga noku, uGC uthe: “Andikhumbuli nokuba ndiyithethile loo nto (ofarm Julia la).”