UZALO: Silindele ntoni?

Mvulo 18 kweyeKhala 2016 Isiqendu 70 Ubonakala esondela ukufumana inyani uJabulile ngoncedo lukaMaMlambo. Kubonakala ngathi umvandedwa uzakumqhubela kwisithokothoko sobumnyama uMaNgcobo.

Lwesibini 19 kweyeKhala 2016 Isiqendu 71 UMaNgcobo uyankwantya ngumothuko ngexa uMaMlambo enombono wenkwenkwana encinane imemeza uncedo. UAyanda ufumanisa ukuba uPastor Nkosi akanguye umphilisi nanjengoko esitsho. UMondli ufuna ukubhatalela uMbali ilobola, ucela uDhlomo amzakuzele.

Lwesithathu 20 kweyeKhala 2016 Isiqendu 72 Isicwangciso sika-Ayanda sokuveza uPastor Nkosi sibuyela kuye phambi kwebandla lonke, kwaye uPastor Nkosi udala umsantsa phakathi kuka-Ayanda noSibahle ngokugrogrisa ngokuveza eminye yemifanekiso neevideo zabo.

Ingathi uNosipho ufumana kunzima ukwamkela ukuba ngokwenene ulahliwe!