Abaxolanga sisigqibo senkundla

Emva kokukumiswa amatyeli amane ityala lalowo utyholwa ngokudlwengula intwazana eneshumi elinesithathu, eli tyala likhutshiwe kuluhlu lwamatyala azakuxoxwa kwinkundla kamantyi kwidolophu yaseNgcobo.

Umantyi obechophele eli tyala uMzwanele Dintsi uyigxininisile into yokuba nangona eli tyala likhutshwa kuluhlu lwale nkundla okwangoku uphando lungekaqosheliswa, oko akutsho ukuba umrhanelwa umsulwa lakuqosheliswa uphando umrhanelwa uzakwaziswa abuyele enkundleni kwakhona.

Umantyi uthi ngokomthetho akuvumelekanga ukuba ityala limiswe amatyeli athile kungekho nkqubela phambili abe umrhanelwa eseluvalelweni. UZukile Ntyefe utyholwa ngokudlwengula intwazana neyathi yafumana ukukhubazeka emva kwesi sehlo.

Umama wexhoba uthi ubomi bakhe batshintsha bayincindi yekhala ngomhla weKrisimesi kunyaka ophelileyo apho kwenzeka esi siganeko.

Kungoku nje le ntwazana ineenyanga isesibhedlele, yafumana ukufa icala emva kokudlwengulwa okwenza angakwazi kuzihambela kunye nokubamba ngezandla.

Khange akwazi ukuzibamba umama wexhoba ngelixa ephuma kule nkundla wasitsho esofelweyo evakalisa intlungu athi uyayiva ngokuzibona sele enomntwana okule meko, ukwathi akasenalo ithemba kubulungisa bomthetho.

Abahlali baseLuhewini bathi abaxolanga sisigqibo senkundla. Kwinyanga ephelileyo baveza ukuba babona lo mfo onwabile engadananga sisenzo sakhe. Omnye kwaba mama bakhathazekileyo uthi njengokuba le ndoda iphumile banoloyiko lokuba uzakubaphatha njani ekuhlaleni.

“Abantwana bethu abakhuselekanga xa abantu abafana nalo mfana bephakathi kwabo besingafuni aphinde alubeke unyawo lwakhe kula lali kodwa akukho nto sizakuyenza xa umthetho umi ngolu hlobo,” utsho lo mzali.