Abazali mabadlale indima kwimfundo yabantwana

Kwezi veki zigqithileyo, uMphathiswa weMfundo uAngie Motshekga wenze umfuziselo waminyaka le wokubhengeza iziphumo zebanga leshumi.

Phakathi kwesankxwe sokuvuyela ukwenyuka kwamanani abaphumeleleyo, uMphathiswa uvakalise inkxalabo ngenani labantwana abathi baphume esikolweni kwibanga lesixhenxe.

UMotshekga ugxeke kabukhali inkqubo yeMfundo esiSiseko engqinelwa luphando olwenziwe liqela eliphuma kwiyunivesithi yaseStellebosch kwicandelo lwezoqoqosho.

Enye ingxaki enegalelo koku kukuhla kwamanani abafundi abathabatha izifundo zemathematike njengoko bekuchaziwe kwinqaku leveki ephelileyo (Uhlile umdla kwizifundo zezibalo eMpuma Koloni- Isolezwe LesiXhosa, 09-15 kweyoMqungu).

UMphathiswa Motshekga uvule izikolo ngoLwesithathu esamkela ngaphezu kwezigidi ezilishumi elinesibini labantwana.

Njengabazali abathe bakhapha iintsana zabo, kumele sixhalabe sisivumo seSebe lezeMfundo sabantwana abathi baphume phambi kwexesha esikolweni. Kumele sizibuze imibuzo exhokonxa igila malunga nale meko.

Sizibuze ukuba ingaba sibalungiselela ikamva elililo abantwana bethu ngokwasemfundweni nangokwentlalontle? Enoba sizimpula zikaluJaca okanye izinhanha, kumele senze umgudu ngemfundo yabantwana bethu ukuze baphumelele ezifundweni zabo.

Imeko kwiMfundo esiSiseko ifuna umzali ngamnye adlale indima kwizifundo zomntwana wakhe, into yokuphosela abantwana kootitshala yaphela kudala. K

Kufuneka umzali ngamnye adlale indima encedisana notitshala. Kumele sizenzele iindlela zethu zokukhawulelana, sincedisane neenkqubo zesikolo singabazali.

Ewe kona, kuyaqondakala ukuba siphila kumaxesha kaxakeka kwaye maxa wambi asinalo ithuba lokuchitha ixesha nabantwana singabazali. Sekunjalo ayixoxisi tu indima yethu kwimfundo yabantwana bethu.

Okokuqala kumele iincwadi ibe yinto abantwana abadlala ngayo lula bencediswa sithi bazali. Izifundo zeengcaphephe zibonisa ukuba abantwana bethu bayasilela ekufundeni. Kumele sibafundise ukufunda besaphuma ebeleni ibe ngumkhwa wabo bekhula.

Ethetha kwingxoxompikiswano eyaziwa ngokuba yiCharlotte Maxeke & Saul Plaatjie Ideas and Legacy Dialogue kunyaka ophelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa wayibethelela imbaluleka yokukwazi kwabantwana ukufunda.

Oku kusenokuvakala ingathi yinto nje kodwa iluncedo ekuphuhliseni ukukhula kwengqondo zabantwana ngokwasemfundweni.

Ukuba oku kukhangeleka kuyindinisa etya ixesha kuwe, nceda uthathe umntwana wakho umfake kwiklabhu yencwadi ekufuphi kuwe okanye umse kwithala elikufuphi kuwe ancediswe.

Elinye ichiza kule meko yemfundo yethu kukufundisa abantwana izibalo beselula, ngaloo ndlela bayakukhula benomdla wamanani.

Ndiyazi xa kuthethwa ngezibalo abaninzi baxuxuzelelwa zizisu, ewe akumele side sibe zingcungela zemathematika ukuze sikwazi ukunceda abantwana bethu.

Abantwana kumele bafundiswe nje ukuwaqonda amanani nendlela izinto ezimile ngayo beselula, okunye bayakukubamba njengokuba ithuba lihamba.

Xa beqhelana namanani bayakukwazi ukusombulula iingxaki eziza nawo ngokuncediswa yimfundiso yootitshala. Xa ndandifuna isikolo apho umntwana wam wayeza kufunda khona ngo2016, ndakhangela isikolo esinootitshala endibaziyo nendibahloniphayo.

Mhlawumbi isenganzima lo nto kuwe, mna ndisebenza nootitshala nezikolo kumaxa amaninzi, ndenza nje umzekelo wokuba kufuneka wenze ubuhlobo nootitshala besikolo somntwana wakho.

Xa sele usifumene isikolo kumele uthi gqolo uncedisana nootitshala ngokuncedisa umntwana wakho kumsebenzi wasekhaya nezinye iimfuno zesikolo.

UMphathiswa usithele thsuphe ukuba isebe liza kuphinda livuselele iindlela eziluqilima zokuhlola enoba umfundi ngamnye ukulungele na ukugqithiselwa kwibanga elingentla.

Isebe leMfundo eNtshona Koloni sele liyimisele le ndlela yokuhlola kwaye abazali babona kuselithuba ukuba abantwana babo bachaneka ndawoni na kwizifundo zabo.

Xa ubona ingxaki ukhawuleza utyelele isikolo ze kuzanywe ukunceda umntwana lowo ngokukhawuleza.

Kumaxesha amaninzi abazali abaninzi bayathingaza ekuzeni ngaphambili baze kuqonda ingxaki ngethemba lokuba iza kusuka iziphelele, icebo kukuba mabakhawuleze baye esikolweni kootishala.

Kwabo bazali abakwaziyo ukuqesha umqeqeshi wezifundo wabucala, ncedani nenze njalo kusekutsha. Nezikolo ziyakwazi ukunceda abazali bafumane aba baqeshi ngamaxabiso afikelelekayo.

Sukulinda de kuhambe ixesha, funa uncedo kwangoku. Ukuba siza kwenza umgudu wokuphucula iziphumo zabantwana bethu kumele sithatha amanyathelo achuliweyo, sikhethe ezona ndlela zivunyiwe zokwenza njalo.

Oku kungentla licebiso nje endinalo. Ndiyaqonda bakho abanye abanakho ukunikezela amacebo angamanye ukuqinisekisa ukuba isizwe sethu sinika ulutsha lwaso imfundo nekamva eliqaqambileyo.

– UMangona ngumseki weMathematical Literacy and Physical Science Tutoring, ungamlandela kuFacebook: Lukhanyo Mangona okanye kwi-email :lmangona@gmail.com okanye kuWhatsapp: 0747032081/0784048527