AmaMpondo abonakalise ukuzingca ngenkcubeko yawo

Inkosi yamaMpondo aseLwandlolubomvu eMatsho kuNtabankulu uJogilanga Nzululwazi Sigcau ekunye nozakuzaku weli eCanada uMembathisi Mdladlana (ekunene) nenkosi yama Pedi eLipompo uMampuru Mampuru wesibini kwimibhiyozo yeminyaka elishumi yenkcubeko namasiko amaMpondo ngoMgqibelo

BEKUMBEJEMBEJE  emaMpondweni ngoMgqibelo, ingulowo edlisela ngezivatho zenkcubeko yakhe. Ngamawakawaka aphume mbombo zone zelizwe ngeliyo kuzimasa
umnyhadala wenkcubeko yamaMpondo eLwandlolubomvu eMatshona kuNtabankulu
kwimpelaveki esiphuma kuyo.
 Badele ingqele, bavatha
ezakwantu ukuya kubhiyoza, njengoko lo msitho ugqiba iminyaka elishumi
ukususela oko wathi wasungulwa.

Iindwendwe beziquka abaphuma eburhulumenteni, AmaNdebele, inkosi yephondo laseMntla Ntshona,
kwanezinye iinkosi zalapha eMpuma Koloni. 
Ezinye zeendwalutho ebezizimase lomsitho ziquka usekela mphathiswa
wezonxibelelwano uStella Ndabeni-Abrahams, unozakuzaku weli eCanada uMembathisi
Mdladlana, kwakunye nosaziwayo kwezokusasaza uPutco Mafani, obhexesha inkqubo yasekuseni
eyaziwa ngokuba yiBEE, kuMhlobo Wenene.

UNdabeni-Abrahams ebengawuvali umlomo, encoma ubuhle bamaMpondo, nenkathalo ngemvelaphi yawo. Ukhuthaze nezinye izizwe ukuba zizeke mzekweni. Ukwakhuthaze
ukusetyenziswa kweelwimi zemvelo kwimisitho yasekuhlaleni. Uthe inkcubeko ineganegalelo kuphuhliso lokulingana ngokobuhlanga, nangobuzwe.

NoMdladlana ebengawivali uncome ubuhle bokubuthelana kwezizwe zizokubhiyoza namaMpondo.
Uthe akubone kulomnyhadala kufana nqwa nomsebenzi wokuzakuza, kuba kudibanisa
iintlanga.

Obesingathe eli theko uNkosi
Jongilanga Nzululwazi Sigcau uthe kuluvuyo ukubona abahlonipheki bedibene
phantsi kophahla olunye bonwabele inkcubeko yamaMpondo. Uthe lo mnyhadala
ujonge ukufundisa izizwe ngokubaluleka kokuzingca ngobuntu bakho ukwazama nokuxhasa amashishini asakhasayo ngokuthi athengise imveliso yabo kwiindendwe ezizimase umnyhadala.