Amapolisa ahleke indoda exhatshazwa ngumfazi wayo

Indoda yelokishi yaseChris Hani eMthatha iyakhala, ibanga ngelithi amapolisa avele ayihleka endaweni yokuyinceda kwisikhalo sokuphathwa gadalala ngunkosikazi wayo.

U-Eric Gelu (38) ukutsho oku emva kokuba ehlekwe ngamapolisa kwisikhululo esiseMaderia eMthatha, xa ebeyokuvula ityala lokuxhatshazwa ngusisi ancuma naye nobehlala naye.

Oku kwenzeke kwinyanga ephelileyo, inyanga ebekelwe bucala ukujongana noomama.

“Besisoloko singabantu abaxabanayo, usisi lo esoloko endikhwaza xa ethethayo, ethukisa, ndinyamezele ndingamenz’ into kuba ndisithi uza kutshintsha kodwa zange, endaweni yoko uye esonyukela.

“Ukuze ndibe ndiya emapoliseni uye wandixuthela amakhadi wam ebhanki, ilayisenisi yokuqhuba nesazisi. Lo nto ibangele ukuba kubenzima ukuba ndiphangele,” utshilo uGelu.

UGelu uthi uye wayokuvula ityala emapoliseni, kodwa endaweni yokufumana uncedo amapolisa avele ayothula phezulu intsini.

“Ndiphume ndingancedakelanga, endihleka amapolisa, esithi mandiyokulungisa ingxaki yam nosisi lo endaweni yokuba bayokuthatha izinto zam kuye,” utshilo uGelu.

Uqhube wathi amadoda kuxa ediniwe xa ezilwela kuba iingxaki abajongana nazo bengamadoda azaziwa phandle apha.

“Siyangcungcuthekiswa ngamaqabane ethu singamadoda, sakuthetha ngalo nto asihoywa,” utshilo. UGelu uthi urhulumente makayilungise lo nto kungasoloko kuthethelelwa abantu basetyhini kuphela.

Lo kaGelu uthi wancedwa ngabammelwane bakhe eChris Hani ukuze abe uyawafumana amakhadi wakhe ngokuba bamthethelele ngethuba exoxisana nowakwakhe.

Ukanti unontlalo-ntle kwiMthatha Womens Support Centre uKoliwe Nongawuza uthi, oku baza kuphanda nangona nje bejongene noomama, kodwa uthi uGelu ubengumzekelo ngokuza ngaphambili kuba amadoda amaninzi ayaxhatshazwa kodwa athule.

“Masizidle ngenyathelo lexhoba kuba ubengumzekelo nakumanye amadoda, uzakuthi afundise nabanye ekubeni beze ngaphambili xa benengxaki yokuxhatshazwa ngabasetyhini. Siza mncedisa siyiphande kuba sinaye umntu esisebenzisana naye kwisikhululo saseMaderia kwiimeko ezinje,” utshilo uNongawuza.

UMthetheleli Tshemese okumbutho ojongene namalungelo ooomama kwiMasimanyane Women Support Centre eMonti – nangona engutata nje uthe abantu abangootata bakhuliswa ekubeni babengabantu amabangathethi ngezinto ezibaxhelayo emphefumlweni nasengqondweni.

“Into ebethayo xa umntu ongutata ekhathazekile kuye kuthwe makanyamezele kuba abantu bazakumbona njengegwala okanye ibhetye-bhetye. Kubalulekile ukuba yaziwe into yokuba amadoda nawo ayakhathazeka kwaye bubuyatha obu bokuba mawangathethi xa edliwa yinto. Mawakhuthazwe athethe amadoda. Ukuthetha nokufuna uncedo xa unengxaki bobona budoda buphuhlileyo kunokuba amadoda abenobundlobongela,” uvale ngelo uTshemese.