‘Andimnqweneleli okubi lowo undidlwenguleyo’- Tshongela

Umfundisikazi uThoko Tshangela

“Thixo ubabalo lwakho lundanele. Lingenile imeva enyameni kodwa wena Thixo isenguwe empilweni yam, watsho noPawulosi engcikiveka.” Ngamazwi woMfundisikazi weSekethe eseQunu kwibandla lamaWisile, odlwengulwe kwindlu yebandla yindoda engaziwayo ngethuba elele yedwa ngempelaveki.

UMfundisikazi ukhulule ukuba libizwe igama lakhe ngethuba encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Esi sihelegu sokuhlaselwa kwakhe senzeke kwiveki kusand’ukubekwa uPurity Malinga njengoBishophu ongumama wokuqala ezimbalini kwibandla lamaWisile eGauteng, ethatha kuBishophu uZiphozihle Siwa.

Ukanti ikwazizo neentsuku ezilishumi elinesithandathu nezibekelwe bucala ukulwa ubundlobongela kumakhosikazi kwakunye nabantwana, nezaziwa njenge16 Days of Activism.

UMfundisikazi uThoko Tshangela, 44, uthi eli xesha kubabazwa ukuliwa kokuphathwa gadalala kwamanina bekufanele ukuba yinto eyenziwa rhoqo.

Uthi okumcaphukisa nangakumbi kukuba isihelegu esi senzeke ngaphakathi kumasango endawo engcwele kwaye nekubonakala ukuba umenzi lo wobubi ngumntu oyaziyo imeko yokuhlala kwakhe kuba umve sele engaphakathi ezingubeni.

Uthi uve ngendoda sele iphezu kwakhe, weva ukunuka kotywala ukuba ayingomyeni wakhe, wabe sele ezilwela ekhala, naxelelwe yile ndoda ukuba makayeke ukukhala kuba iza kumbulala, yatsho impampatha ngathi ikhangela nto.

UMfundisikazi uthi wacela ukuba angamenzi le nto ayenzayo, ndaweni yoko athathe iifowuni nemali kodwa zange azithathe. Uthi ngenene lo ngumntu obeze kumhlupha umphefumlo ngabom.

“Kubuhlungu okwenzeke kum kwaye andikunqweneleli mntwana mntu. Kunjalo nje okwenzekileyo akundothusi kuba zange ndalufumana ulonwabo oko ndafika kweli bandla. Le yenzekileyo into ingaphakathi ayonto yangaphandle, ingengomntu ongandaziyo nokuba ngumntu wangaphandle ebandleni, kodwa angabe uthunywe ngabangaphakathi ebandleni,” utshilo.

Uthi inkxaso zange wayifumana ngaphakathi emarhamenteni, ayifumanayo, ngayifumana ngaphandle elalini kuluntu. Uqhuba athi kaloku akazange amkeleke kuba engumama nanjengoko uluntu lusahamba nesithethe sokukholelwa kulawulo lomntu ongutata, hayi ongumama nangona nje izinto sele zatshintsha. Uthi oomama basakholelwa ekuxhomekekeni kootata kwaye ayikafiki kubo into yokuzibona beselulawulweni. Uthi kufana nokujongelana koomama phantsi ngokuthi bangaxhasani.

UMfundisikazi uThoko Tshangela ufike ngeyoMqungu kulo nyaka kweli bandla, kwaye kulindeleke ukuba athabathe iminyaka emithathu esebenzela lona.

Ngokufika kwakhe kulo uthi ufike wenza utshintsho kwizinto ezininzi ebezikade zingenzeki nto leyo imenza angathandeki kwabaninzi ebandleni.

Uthi ngokunokwakhe ebeza kuhlala kweli bandla kuba ilizwi elalimbizile likaThixo liyasebeza ekubeni agqibezele ebekuthunyiwe kodwa woyikisela ubom bakhe kuba unosapho. Uthi uza kulinda kwisigqibo sebandla esiza kuthi sithathwe malunga nokuqhubekeka kwakhe.

Uthi kuyo yonke le into yenzekileyo asele ekunqwenela kukuvela komrhanelwa amazi nalapho athi ucinga ukuba oko kungamenza ngcono kwaye uthi akamnqweneleli nokubi umrhanelwa.

Isithethi samaPolisa aseMthatha, uKapteni Dineo Koena, uthi ityala livuliwe, umrhanelwa akakabanjwa nanjengoko kusenziwa uphando.

UMfundisikazi ebengaqali ukuthunywa kwiisekethe, sele esuka kwibandla lakwaNondlwana eMdantsane, eGcuwa, eMthatha kwakunye nasePetermaritzburg.