‘Andinobukela kunyhashwa amalungelo eentatheli’

LITYHOLWA ngokunyhasha amalungelo eentatheli ijelo leendaba lakwaSABC yintatheli yelijelo ezinze ePalamente eKapa uLukhanyo Calata.

Oku kulandela izigqibo ezithathwe ligosa eliyintloko kwaSABC uHlaudi Motsoeneng.

UMotsoeneng ukhuphe imiyalelo enqanda ukuboniswa kodushe lwasesidlangalaleni kwiindaba zeli jelo, waphinda wayalela ukuba zingakhutshwa nezigxeka umongameli weli uJacob Zuma.

Ukanti iintatheli ezintathu zeli jelo zijongene nenkqubo yoluleko emva kokubeka izimvo ezichaseneyo neendaba ekungavumelekanga zipapashwe kweli ziko.

Ngomvulo iNgqonyela elibambela kweli ziko uJimmy Matthew ulahlile kwesi sikhundla, egxeka into eqhubeka kweli jelo.

UCalata ongunyana wegqala lomzabalazo uFort Calata nowabulawa ngamapolisa orhulumente wengcinezelo ngo 1985 uthe, “Ndathatha isigqibo sokubayintatheli emva kokuba iintatheli zaziquqa zibuyelela ekhaya ngenjongo yokubalisa ngokwehlele utata kwakunye noogxa bakhe.”

Kudliwanondlebe nephephandaba iCape Argus, uCalata uthe, yiminyaka engamashumi amathathu ananye emva kwesi siganeko sasekaladokhwe.

“Kwiminyaka engamashumi amathathu ananye ngoku ndiyintatheli, ngenjongo yokubalisa okwenzeka kuluntu, ndikholelwa kwinyaniso nasekubikeni iindaba ngokukhululekileyo. Utata wasweleka esilwa idabi lokuba ndenze oku, nabanye ababesemzabalazweni, abaphelela kwiintolongo zeli.”

Uqhube wathi, “Ndikhathazeke kakhulu xa abaqeshi bam bendiyalela ukuba mandisebenze kanjani, isigqibo esiphikisana nentshukumo isininzi esazinikela emzabalazwei ngenxa yaso.”

Uthe, inyathelo leSABC licinezela amawakawaka abo babeyinxalenye yomzabalazo.

“Ayikho indlela engcono yokucacisa isigqibo seSABC ngaphandle kokuthi sinyhasha ilungelo lokuchaza iindaba ngokunyanisekielyo, ngokungathathi cala,” uqhube watsho okaCalata.

Ukwabuze ukuba aphi amaqabane kayise emzabalazweni nabequqa engcwabeni lakhe emncoma ngenkululeko awasweleka esilwela yona.

“Baphi ngoku, bathuleleni? Bayamkela njani into yokunyhashwa kwamalungelo nenkululeko eyeza ngegazi eliquka isine saseKaladokhwe?” Ubuze esitsho okaCalata.

UCalata ebesekhefini ngethuba ethetha oku, othe akayazi eyokwenzeka xa ebuyela emsebenzinii “Utata wanikezela ngobomi bakhe, okuyokwenzeka kum lutshintsho nje kwintlalo yam,” ulebele ngelitshoyo.