Bafunde isifundo ngoludwe lwenkamnkam

Abe-Arhente yoKhuselo lweNtlalo yoLuntu ebizwa ngokuba nguSASSA, ithi ifunde isifundo kwindodla edlulileyo nebingexesha lobunzima elokuvalwa kwentshukumo yelizwe.

Le Arhente ithi ibonile ukuba mayitshintshe iintsuku ekurholwa ngazo zesiqhelo ukuze kukwazi ukubakho ukuqelelana kwabantu ukunqanda ukosulelana ngale ntsholongwane igqugqisayo ikhorona.

UPaseka Letsatsi nosisithethi sikaSASSA kuzwelonke, uthi iza kuqala ngomhla wesine kuMeyi, hayi ngomhla wokuqala njengesiqhelo indodla.

“Ngomhla wesine nangowesihlanu kuza kurholiswa abantu abakhubazekileyo kwakunye nabantu abadala kuphela. Eyabantwana iza kufumaneka ngomhla wesithandathu qho ngenyanga ukusukela kuMeyi,” utshilo uLetsatsi.

Le arhente ithi ekuqaleni kwale nyanga ngethuba kurholwa kwabekelwa abantu abadala kuphela umhla wamashumi amathathu kuMatshi kodwa nabarholela abantwana banyakathisa, nto leyo yenza ukuba ibe ngathi uSASSA akathobelanga umthetho owabekwa nguMongameli weli owokuba abantu mabangagqithi kumashumi amahlanu bekwindawo enye kwaye mabaqelelane.

ULetsatsi uthi iivenkile, iiposi kwakunye neeATM zazigcwele ngathi akukho mthetho ubekiweyo.

Uqhuba uthi ngokutshintsha ezi ntsuku bakwazama nokukhusela abantu abadala nabakhubazekileyo njengoko kwividiyo yabonisa abantu abatsha betyhiliza abantu abadala kumgca oya kwiATM nasezivenkileni ezirholisayo.

USASSA uthi sele ethethile neebhanki, iiposi kwakunye neevenkile ezirholisayo malunga nolu tshintsho lweentsuku zokurhola.

Ingqonyela yakwaSASSA kuzwelonke uBusisiwe Memela ubongoze uluntu oluxhamla kwesi sibonelelo semali ukuba malungazixheshi luleqe edolophini xa bebona imali ingena lucinge ukuba iza kuphinda imke, ayiyi ndawo ihlala ihleli.