Bakhwele bezehlela koveze amabele

ABASEBENZISI bakaFacebook bakhwele bezehlela kwinzwakazi ebifotwe kwindawo yolonwabo ebizwa ngokuba kuseYadini eMlazi KwaZulu-Natal.

U-Andiswa Luthuli ufotwe enxibe isiketi esimnyama wabe ngentla enesinxibo esibonakalisa umzimba namabele.

Kuvamile ukuthatyathwa kwemifanekiso ngabanini baseYadini, emva koko bayifake kwikhasi labo likaFacebook. Le mifanekiso itsala amawaka-waka wabantu kuba isemgangathweni.

Kodwa abantu bathe bakubona lo mfanekiso kaLuthuli kuFacebook, baqala ukunxakama.

USanele Lerato Dyani uthe: “Amantombazana afuna ukujongwa ngeendlela ezininzi. Ngumntu ongaqhaswayo nomntu ongabhejwayo onokwenza le nto.” UNontando Hlatshwayo yena uthe: “Hayibo nqandani!”

Thully Biyela: “Yibanceba Nkosi. Xa ndinganxiba kanje kungavuka ooMenziwa nooMvelase emangcwabeni.”

Kodwa uKhayalethu Booi-Sipuka KaNohaya yena uthi “bonke aba bagxekayo barhalela lo mzimba.”

UMalusi Ndlovu B: “KwaZulu besinxiba izibheshu. Oomama beveza amabele, yintoni ngoku entsha?”