Balamkela ngezandla ezishushu Ukhozi FM

UKHOZI FM aluzanga eMpuma Koloni ukuza kukhuphisana noMhlobo Wenene FM, koko bazakusebenzisana, nanjengoko ezi izizikhululo zeSABC zozibini ngokokutsho kukamanejala weSABC kweli phondo uNada Wotshela.

UWotshela ebethetha kwiholo yoluntu eMonti apho Ukhozi FM beluzazisa ngokusesikweni kuluntu lwaseMpuma Koloni.

Phakathi kweendwendwe ebezizimase lo msithi ibingumanejala woMhlobo Wenene uPhumzile Mnci, umanejala waseTru FM uThobeka Buswana kwanoZoli Mapipa ongumanejala wezikhululo zikanomathotholo kwaSABC.

UWotshela uthi ukufumaneka kweqhosha loKhozi FM koonomathotholo abaseMpuma Koloni, luphawu lokuba uMzantsi Afrika uqhubela phambini nenkqubo yedemokhrasi. “Ngeli nyathelo sikwakhumbuza uluntu ukuba uMzantsi Afrika lilizwe elinye, ngoko ke kufuneka siyiphelise into yokuvalela abantu kwindawo enye. Umntu ofuna ukuphulaphula Ukhozi FM eMpuma Koloni makakwazi, ze nalowo ofuna ukuphulaphula uMhlobo Wenene FM eThekwini akwazi,” kutsho uWotshela, obesakuba ngumanejala woMhlobo Wenene.

Obambele njengomanejala woKhozi FM uZandile Tembe naye ukwathe bazakusebenzisana nezikhululo zeSABC ezikhoyo kweli phondo uMhlobo Wenene neTru FM. “IMpuma Koloni liphondo elihle kakhulu, siyavuya nathi ukuba yinxalenye yeli phondo,” kutsho uTembe.

Usodolophu waseBuffalo City uAlfred Mtsi ulamkele ngezandla ezishushu Ukhozi FM esithi mabazive besekhaya. “Siza kusebenzisana nesisikhululo ukukhulisa icandelo lezokhenketho lwesi sixeko sethu,” utshilo uMtsi.