Baphatheke kakubi oonogada eMthatha!

Molwen kwiSolezwe, hayi bethu imbi into yokuhlukunyezwa koonogada yini bawo. Zikhona iinkampani kodwa hayi le ndikuyo kulo Mthatha bububhanxa. Umntu owayeqale ukuphangela kule khampani ngo-2014. Kodwa ngoku kuthwa akanandawo yokuphangela, kuqeshwa abantu abatsha, bafike babenazo iindawo bona. Nditsho kwa iProvident Fund yabasebenzi ayikho, phofu itsalwa inyanga nenyanga. Xa siyibuza ngathi siyageza, sise sixelelwe isiwiliwili. Abantu abangoosisi baqeshwa ngokuba funeke uqale uvume ulalwe yindoda ese-ofisini, ukuba awuvumanga akakuqeshi. Ukuba ukufune sowuphangela ungavumi, uyaxoshwa. Kutheni na kanti sasengcinezelweni ngolu hlobo? Urhulumente akasavakalelwa na yena oonogada baphangela intsuku ezininzi, kodwa imali dololo! Sowulimele emsebenzini ungahoywa, kuse kuqeshwe omnye umntu qha kuba asifundanga ke. Yhoo! hayi le ikhampani esitsalela imali mahala, sicela uncedo bethu njengoba itye iimali zethu nje iyaphelelwa ngoDecember.