Baphefumla ilindle umhla nezolo

Luxakwe lilindle olunkcenkceza emva kwendlu yalo usapho lwakwaNobebe noluhlala kwindawo yasePosini ePort Alfred.

UKhangelwa Nobebe oneminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe (57) ubudala uvakalise ukuba yena nosapho lwakhe yinto abayiphefumla yonke imihla nanjengoko ilindle lijikeleze indlu yalo.

Ngasentla kwendlu yolu sapho kukhona indawo ephuma ilindle nethi ikhuphele yonke into kubo. Asiyiyo yodwa nanjengoko ikhona enye kufutshane nale ndlu nalapho kuvakele ukuba abantu abaphangela kumasipala iNdlambe walapha bafika bayivula le ndawo ze bayishiya injalo.

UKhangelwa uveze ukuba yintlungu le bahlala phantsi kwayo, kwaye kudala bemthembisa ukuba bazakuyilungisa, kodwa ayide yenzeke lo nto.

“Asikwazi nokuphuma apha xa sele kumnyama kuba kaloku ilindle ligcwele indawo yonke,” utshilo uKhangelwa.

Ekwaveza ukuba ivumba lelindle abaliphefumlayo liyabagulisa ingakumbi abantwana nanjengoko behlala begubhukile emzimbeni.

Enye yeendawo kwezi ziphuma ilindle kuvakele ukuba sele inonyaka nangaphezulu ilolu hlobo.

Isithethi sakwamasipala walapha eNdlambe uKhululekile Mbolekwa ebuzwa ngelindle elijikeleze le ndlu uthe: “Sizakuthumela abasebenzi bethu ngokukhawuleza ukuba bayolungisa le ngxaki.”