Baphekwe ngemibuzo abaphathi bamapolisa

EKAPA:

BEXINWE ngemibuzo ePalamente uMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele nabaphathi bezikhululo ezintlanu ezinezinga eliphezulu lobundlobongela kweli loMzantsi Afrika.

Ngaphambi kokuba kusasazwe amapolisa aza kulwa nemigulukudu, iKomiti yamaPolisa ifune ukwazi kubaphathi bamapolisa aseHillbrow eRhawutini, eJoburg Central, eKagiso, eMitchells Plain naseNyanga ukuba ingaba banayo na indlela abaza kunciphisa ngayo ubundlobongela.

Usihlalo wale komiti, uFrancois Beukman, uthe kubalulekile ukuba ibe yinto yokuqala emapoliseni ukunciphisa ubundlobongela.

“Ukubulala, ukuzama ukubulala, ukukhuthuza nokudlwengula bobona bundlobongela buchaphazela abantu kwezi ndawo. Kubalulekile ukuba kube khona umkhombandlela kubaphathi bezikhululo zezi ndawo,” utshilo.

Umphathi wesikhululo saseNyanga, uVuyisile Ncata, uthe sebecwangcisile abaza kwenza ukunciphisa ubundlobongela kodwa akafunanga ukuzikhankanya ezo zicwangciso. “Ndiyaqinisekisa ukuba liza kwehla izinga lobundlobongela eNyanga. Sisebenzisana kakhulu nabahlali nemibutho esekuhlaleni,” utshilo.

Ilungu leNyanga Neighbourhood Watch, uLungelo Bhoyana uthe: “Iyandivuyisa le nto yenziwe yikomiti yamapolisa yokubiza abaphathi bezikhululo. Ibonakalisa ukuba bazimisele ukuphelisa ubundlobongela kwiindawo zethu. Kunzima nokuthi uhlala eNyanga emntwini.”

Uthe kudala baphakamisa ukuba kufakwe iGang Unit eKapa. “Siyavuya xa side savakala isikhalo sethu. Amapolisa ayohlulwa yimigulukudu. Ingxaki bayaxhoba nabo. Abanye banemipu engaphezulu kwi9mm.”