Bathi malihambe ‘ixhego’ elinguMakupula

01/05/2017 East London; UMphathiswa wezemfundo uMandla Makupula (phakathi) emi kunye nabanye abafundi baseMpuma Koloni abaneziphumo eziphume phambili kwibanga lesishumi kunyaka ka2016 * -Anelisa Marwaqana (Mariazell Senior Secondary School) kunye noSiphokazi HlalukanaUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

“Utat’ uMakupula lixhego elifanele ukuthatha umgodlo walo wepenshini, lishiye imiba yezemfundo kubantu abazakuthatha eli phondo balise phambili.”

Le yingxelo ephuma kumbutho wabafundi iCongress of South African Students (Cosas) yaseMpuma Koloni ethi izakungena ezitalatweni kungekudala iqhankqalazele uMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula.

ICosas, ibambisene nehlakani layo iSouth African Students Congress (Sasco), ithe yakhweba inkomfa yoonondaba eCalata House eQonce kutshanje ngeenjongo zokuvakalisa ukungoneli kwayo nguMakupula.

Oku kuza emva kokuba iphondo laseMpuma Koloni liphinde larhuqa emva xa lithelekiswa namanye amaphondo kwiimviwo zikaGrade 12 ka-2016.

UMakupula uxelele oonondaba eMonti kwiveki ephelileyo ukuba akayazi yintoni eyabonwa kuye ngethuba echongwa njengoMphathiswa weli sebe.

Uthi yena waqeqeshelwa ukuhlohla izibalo nenzululwazi.

“Xa iNkulumbuso (Phumulo Masualle) ingagxotha uMakupula, kungatshintsha izinto kwisebe lezemfundo. Ukuba iNkulumbuso ayimgxothi uMakupula, siza kuyinyanzelisa iyenze lo nto.

“UMakupula makavume ukuba lixhego, kamnandi naye uthi ungutitshala wezibalo nenzululwazi ongayaziyo ukuba wayechongwe phantsi kweziphi izizathu ukuze abenguMphathiswa. Xa ethetha njalo, lo nto ichaza ukuba akawazi umsebenzi wakhe. Sithi makahambe, siza kumncedisa afumane umsebenzi njengotitshala,” kutsho uSamkelo Mqai, unobhala weCosas eMpuma Koloni.

Usihlalo weCosas kweli phondo uEvuya Maneli uthi ukuqhuba kakubi kweMpuma Koloni kwiimviwo zikaGrade 12 kuhlaza iphondo kwakunye neANC.

“UMakupula makagxothwe ukonga imbonakalo yeANC nephondo laseMpuma Koloni,” utsho uManeli.

Usihlalo weSasco kweli phondo uLuyanda Tenge uthi isebe lezemfundo kweli phondo lifana nqwa nomntu othatha imitsi emibini ukuya phambili, ze athathe ibemithathu ukuya emva – into engumfuziselo womntu ohambayo kodwa ebuya umva endaweni yokuya phambili.

Le mibutho mibini ithi izakumnika iiveki ezimbini uMakupula ukuba ahlehle kwisikhundla sakhe.

“Ukuba ayenzeki lo nto siza kubamba uqhankqalazo siye kwi-ofisi yeNkulumbuso sinyanzelise ukuba ehle esikhundleni lo tata (Makupula),” utshilo uLwando Mangqishi, usekela nobhala kwiSasco eMpuma Koloni.

* Impendulo kaMasualle kwiPhepha 7