EyeThupha: Inyanga yokubetha amabhinqa

Kusuke kwathini na le nto rhoqo sivuka sifunda ngobundlavini boosaziwayo nje? Ingaba le genge izicingela ukuba ingaphezu komthetho?

Yimibuzo endizive ndizibuza yona le kwezi ntsuku ziphelileyo emva kokumane sisiva koonondaba imibiko yokuba le genge yodumo iyakholwa kukuphakamisa isandla kubantu basetyhini.

Zonke ke ezi zenzo zigwenxa zenzeka kanye ngale nyanga yamanina esizwe.

Le nyanga siyivule kakubi ngeendaba zokuba usekela mpathiswa wezemfundo, uMduduzi Manana, ubethe kanobomi owasetyhini xa bebekwindawo yentselo ngentseni ethile.

Bendingazimiselanga ke ukuhlomla ngalo mba de ube kanti umthetho uyidlalile indima yawo kule meko kuse ekugqibeleni, kodwa ngoku ndiziva ndinyanzeleka ndithethe ngokuba isuke yangathi le nto ingumkhwa okhulayo esizweni sethu.

Kuthiwa lo kaManana ubizwe yile nzwakazi njengendoda elala namanye amadoda, iye yaqala apho ke inkathazo madoda.

Kukho ushicilelo olubonisa losekela mphathiswa ebhulela amasaka le nzwakazi, eyingombela oogqirha nezicaka. Andizulibalisa lonke ibali, ndiyathemba umcimbi niwuphethe, kodwa into mna endikhwankqisayo yile yokuba uManana lo andimboni mna engumntu osidaneleyo isenzo eso sakhe. Mamela ke, kukho umahluko phakathi kokuzisola nokudana.

Umntu usenako ukuzisola ngesenzo sakhe ngenxa yokuba iziphumo zaso zikrakra kuye, kodwa abe engasidanelanga isenzo eso.

Ukudana ke yinto engaphaya kokuzisola ngokuba uye uthi khunubembe sisenzo eso, kwaye yonke into oyenzayo ibonakalise iimpawu zokuba ngenene sikuxhelile isono sakho.

Sithe ke sisajonge leyo seva ngekasaziwayo uShaka Sisulu, umzukulwana wongasekhoyo uWalter Sisulu, ukuba naye undlandlathekise umama womntwana wakhe ngenxa yengxabano ngemali yesondlo.

Naye ke uquqa ezinkundleni zamatyala ngenxa yale nto. Kodwa endikuthandileyo usapho lwakhe lilikhuphe latsola ukuba bona abahambisani nesi senzo sobundlobongela, uShaka makajongane neziqhamo zezenzo zakhe ngokomthetho.

Intle ke le into ngokuba ithande ukunqaba ukuba iintsapho zabaxhaphazi zibaveze elubala, inga ne-ANC Women’s League ingafunda nto kule nto. Kaloku umongameli wala manyano, uBathabile Dlamini, uvakele emkhusela uMduduzi Manana ngelithi ayinguye yedwa obetha abafazi, bakhona nabanye abenza izinto ezinkulu kunaleyo. Noko umama uDlamini uthengisile ngamalungelo abantu basetyhini kwesi sihlandlo.

Eyona ifingisa iintshiya kwezi ziganeko zokubethwa kwabasetyhini, yile kankosikazi kamongameli waseZimbabwe, umama uGrace Mugabe.

Umama uMugabe lo kuthiwa uyibhulele amasaka inzwakazi ayifumene ikwigumbi loonyana bakhe xa ebebandwendwele apha eMzantsi Afrika.

Le nzwakazi kuthiwa ngunobuhle othile kwaye uyishiye inenxeba ebusweni elingathintela ukuba ingakwazi ukuqhubeka nomsebenzi wayo wobunobuhle. Ityala ke lifakiwe, lo mcimbi usezandleni zabakwantsasana.

Iyathethisa ke le imeko ngokuba umama uMugabe akanguye ummi walapha, kwaye ufike wenza ubundlobongela kummi walapha. Ndigqibele ke kusithiwa umama lo uyasebenzisana namapolisa ngesi sigigaba.

Isuke yaxhaphaka le nto imbi yokubethwa kwabantu. Yintoni na le yenza ukuba imisindo yethu isilawule ngolu hlobo?

Ingathi mna nawe ngesifunda kwezi ziganeko khona ukuze singagaxeleki kule migibe izakusiphambanisa nomthetho.

Madoda, umntu wasetyhini akabethwa nokuba sekuphembelele ngoluphi na uhlobo, sukuvumela ukulawulwa ngumsindo wakho. Nawe mntu wasetyhini, sukuthula xa uxhaphazeka.

Thetha kuvakale, umthetho uyakuvumela. Masikhuseleke.