Hlawula i-R10 000 uhlale kwitafile noMphathiswa

Isithandathu esiphezulu seANC sizakuba siseMonti kwiveki ezayo UMFANEKISO: Motshwari Mofokeng/ANA.

UMONGAMELI weANC uCyril Ramaphosa uzakube eseBuffalo City Stadium eMonti kwiveki ezayo esenza intetho yokukhumbula iminyaka elikhulu elinesithandathu yasekwayo iANC.

Lo msitho uzakubanjwa ngomhla weshumi elinesithathu, kodwa uzakuhlakulelwa yintetho eyetyiswa ngesidlo sangokuhlwa ezakubanjelwa kwihotele i-ICC eMonti ngomhla weshumi elinesibini.

Rhoqo ngomhla wesibhozo kweyoMqungu, iANC ibhiyozela unyaka wayo wokuzalwa, kodwa kulo nyaka lo msitho uzakubanjwa ngomhla weshumi elinesithathu.

Umhla weshumi elinesibini, ngokuhlwa e-ICC, uzakube ingoowonokutsho, amadoda neentombi bevana ipokotho kobo busuku bokubona uMongameli omtsha weANC.

Iitafile zesi sidlo sangokuhlwa e-ICC zihlelelwe ezompokotho zifumileyo zabafuthelwe ngemali, hayi nje imalanyana.

Indaba-ndaba ke iqala kulowo ufuna njee isitulo etafileni eqhelekileyo, yena uyakuhlawula nje amawaka amahlanu eerandi (R5 000).

Ukuba ufuna ukuhlala kwitafile enoMphathiswa okanye uSekela Mphathiswa uyakuhlawula amawaka alishumi eerandi (R10 000), isitulo ngasinye.

Lowo unempokotho evumayo, futhi ezimisele ukulawula obu busuku, angayihlawula imali engange-R250 000 kwibakala lePlatinum Package kwitafile enye jwii ezakuhlala enye yeenkokeli zeANC ezikwisithandathu eziphezulu (Top 6), ze azikhethele abantu abasibhozo kwanesitatanyiswa esiviwa nguye, bahlale kuloo tafile.

Kwibakala leGold Package, indoda okanye intombi ezivayo ingahlawula i-R200 000 ze izikhethele abantu abasibhozo kwanesitatanyiswa esiviwa yiyo kwitafile enye jwii ezakuhlala uMphathiswa okanye iNkulumbuso.

Kwibakala leSilver, ungahlawula i-R100 000 ze uzikhethele abantu abasibhozo kwanesitatanyiswa esiviwa nguwe kwitafile enye jwii ezakuhlala uSekela Mphathiswa kazwelonke okanye uMphathiswa wephondo.

KwiBronze Package, hlawula i-R50 000 kwitafile enye jwii ze uzikhethele abantu abasibhozo kwanezitatanyiswa ezibini.

Igosa lezoNxibelelwano kwiANC uKhusela Sangoni, uvakalise ukuba amalungiselelo aqhuba kakuhle.