Hlukanani nokuzixhaphazisa boomama

UBomikazi Manciya okwi-ofisi yeMasimanyane Womens Rights International eQonce ngethuba ekhuthaza abantu abangoomama ekubeni mabaqhele ukungaxhomekeki bazimele UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Amanina ayahlala anyamezele enkulwa ephetheke gadalala kubudlelwane babo namaqabane okanye abalingane babo, kodwa nkqi ukuhamba kuba besithi bahlalele abantwana okanye abafuni kubonwa njengabantu abohlulakeleyo emendweni.

Le yintetha yenye yezithethi ebeziphambili kwiholo yoluntu eNdevana eQonce ngethuba umbutho ojongene nokulwela amalungelo amanina iMasimanyane Womens Support Centre ibambe iphulo lokuxhobisa uluntu.

INdevane ikhethwe kuba ibonwe njengehamba phambili kwizinga lolwaphulo mthetho.

UBomkazi Manciya weMasimanyane Women’s Rights International kwiziko eliseQonce uthi, abantu mabohlukane nokungathethi, la maphulo bawenzayo kukuvula amanina iingqondo baphume kuxhaphazeko.

Uthi ikwalilo nethuba lokuba bazibandakanye neeprojekthi zasekuhlaleni.

“Omnye uyahlala anyamezele kwiqabane kuba enabantwana, omnye ingakumbi otshatileyo abe esoyikela igama elithile azakubizwa ngalo xa ebuyile emendweni, logama omnye ecinga ukuba akazukubanamali akumka kule ndoda. Singena apho ke siyiMasimanyane kuba siveza amathuba eeprojekthi ezinokuthi zenze umntu axhomekeke kuye abeke into etafileni ohlukane nokubalixhoba lendoda nelokuxhatshazwa, kambe abasenalo ithuba lokubuyela esikolweni afunde,” utshilo uMnciyana.

Ikomiti yeWadi uZandisile Ngalonkulu, omele amafama kwakunye nabantu abadala, uthe noko kumaphulo akumila kunje umahluko pha napha uye ubekhona ekuhlaleni.

Uthi iNdevana ibikade inobundlobongela obuphezulu kudlwengulwa abantu, kuhlatywa abantu.

“Oku bekubangelwa ziindawo zentselo ezingavaliyo apho uye ufumanise ukuba kuhlala nabantu abadala kuzo baphele bedlwengulwa ngabafanyana. Kodwa kubangcono kuba amapolisa ayapatrola kwaye nabantu abadala abahlala ezikroxweni ngorhatya bayayeka ngoku.”

UYamkelani Lisani (18) umfundi wesikolo iEnoch Sontonga uthi amaphulo anje abonisa ulutsha ukuba lungazihlutheli ludlwengule.

Uthi ukwafunde nokuba akubalulekanga ukuxhaphaza umntu kuba engenanto.