I-WSU ityhile kwelinye ikhasi ngefashoni

Abafundi abenza unyaka wokugqibela eWSU bebenomnyhadala wokubonisa ngempahla kumsitho obuseHemingways eMonti imifanekiso: bheki radebe

Ibe zindidi ngeendidi ezahlukeneyo nezitsala umdla impahla zefashoni zabafundi baseWalter Sisulu University nobungenakutsho nokuba zithungwe ngabafundi xa ujongile ngethuba bebonisa ngazo kuMnyhadala weFashoni.

Lo mnyhadala ubuqhutywa yile yunivesithi eHemingways ngempelaveki.

Abafundi babonakalise umdla nochulumanco ngobu busuku bengakholelwa ukuba ezi mpahla zenziwa ngabanye babafundi babo eWSU.

Abafundi ababonise ngetalente yabo yokuthunga ibingamashumi asixhenxe anesithoba bephuma eMonti nakwiKhampasi eseGcuwa.

Ngolu suku ibilukhuphiswano kwitalente, ingulowo ebonisa ngesakhe isakhono ekuthungeni nobe kusenza ukuba kubenzima kubagwebi abebephethe olu khuphiswano.

Kodwa kunjalo abagwebi bade baphuma nabona bagqwesileyo kumsebenzi wabo wezandla.

Abo nguPhila Ngwendu elandelwa nguSiphosethu Dyubele, kwindawo yesithathu yanguAnathi Plaatjie ze owesine yanguMoreblessing Ndlovu.

OkuLawulo kwiSebe lezeFashoni eWSU, uSibusisiwe Nodada, uthe abathandi befashoni mabahlale belindele ifashoni esematheni kubafundi bakhe.

Lo mnyhadala ubanjwa rhoqo ekupheleni konyaka ngeenjongo zokukhuthaza aba bafundi kwaye nomsebenzi wabo ubonwe luluntu.

abongile.ginya@inl.co.za