Ibabetha ezipajini ikhorona oonoteksi baseDutywa

Umqhubi weteksi, uZamile Mrhwetyana, olayisha abantu beelali zaseDutywa nakuGatyana, unexhala ngoba yena noogxa bakhe abanazo izibulali-ntsholongwane ezimotweni zabo

OoNoteksi baseDutywa bathi imithetho karhulumente yokulayisha abantu ibonzakalisa kakhulu ezipokothweni, kodwa kuyanyanzeleka bayithobele imithetho ngenxa yekhorona.

Kwiveki ephelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa, uyalele ukunqunyanyiswa kwazo zonke iinkonzo zoluntu kuquka namashishini angekho phantsi kukarhulumente ngelizama ukukhonkxa intsholongwane egqugqisa amazwe ehlabathi ekuthiwa yikhorona.

Ezinye zezinto ezinqunyanyisiweyo kukuhambahamba kwabantu neendibano eziquka iicawe kodwa kwavunyelwa ukusebenza kweevenkile ezithile zokutya, ezamayeza nezithuthi ezithile.

UMvulo bekufanele ukuba ibe lusuku lengeniso koonoteksi. Akubanga njalo ngoba kufuneka balayishe ihafu yenani lesiqhelo kuba kubalekwa ingxinano enokwandisa amathuba okosulelana kwabantu.

Noxa beyiqonda imeko oonoteksi baseDutywa kodwa bayamkhalazela urhulumente othobe inani labakhweli neeyure zokusebenza engakhange abonisane nabo.

Bakhale ngokunganikwa izinto zokuzikhusela nabakhweli babo emva kokuba kungekho mntu ozixhamleyo kwabasemagunyeni waza kucacisa inkqubo esetyenziswayo ngoku.

UZamile Mrwetyana othutha abantu ezilalini zaseDutywa nezakuGatyane umgxekile urhulumente ngokungabafundisi ngesifo nangenkqubo esetyenziswayo, watsho ekhala nangokungakhuseleki kwabo nabakhweli.

“Siyabetheka yile nto yokulayisha abantu abalithoba etshiwo ngurhulumente. La mali iphelela etankini lamafutha yonke; ndiphethe ndingazuzi kwanto mna. Iyabhatalwa le moto ndihamba ngayo, imali yokuyibhatala ayoneli ngoku. Siyabetheka kakhulu,” utshilo uMrwetyana.

Naye uWayiza Zikhali ukhale ngokungafundiswa kakuhle ngekhorona ngaphandle kolwazi abalirhabula kumajelo eendaba.

“Imbetheko ikhona nyhani kodwa silandela uhlobo esiyalelwe ngalo noxa kungekho bantu baze kuthi. Akukho mntu osixeleleyo le nto kakuhle. Senza nje into esiyiva kumajelo eendaba. Senza esizivileyo ukuze sikhuselane. Isifo sona sikhona. Kungcono namhlanje sivunyelwe ukulayisha ekuseni ukuya ebusuku ngoba ingumhla wepeyi,” utshilo uWayiza.

Ekuqaleni kwale veki, ikhorona yosulele iwaka elinamakhulu amathathu namashumi amahlanu anesithathu kwabahlanu ababhubhileyo eMzantsi Afrika.