Ibhodi ithembisa ukulungisa iimeko zempilo eMthatha

Usihlalo webhodi entsha yentlanganisela yezibhedlele zaseMthatha (Mthatha Central Hospital) uthi ukungabikho kwabasebenzi aboneleyo yingxaki engaphaya kokuqonda eyongamele ezi zibhedlele zikarhulumente.

Lo sihlalo umtsha uAdvocate Vusumzi Msiwa ukutsho oku ngethuba kuphehlelelwa ngokusesikweni le bhodi ngoMvulo ngumphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uGqirha Pumza Dyantyi. Le bhodi yeyokuqala ukususela ngo2012 kudityaniswe la maziko. “Ukuphehlelelwa kwethu ngumphathiswa ayiyoonyhweba kodwa kuqala umsebenzi omkhulu. Sithetha nje esi sibhedlele sisengxakini yokufakwa kwamabango, kwaye wonke umntu ufuna ukutyeba ngeli sebe.

“Ukunciphisa le midliwo makuqeshwe abasebenzi ukuphungula umsebenzi emagxeni abo, oko ingasisiqalo sokuphuma ezingxakini,” kutsho uMsiwa. Ukwathe “Mphathiswa siyile bhodi asizifuni initlanganiso ezingezi naziphumo, besikhe sadibana nekomiti yezempilo kuzwelonke siyixeleka iingxaki zeli ziko sicela uncediswa kunyuswe isabelo mali kodwa akhange siphendulwe de kube ngoku. Sizoqinisekisa ngokuqwalaselwa komba wamatyala aphezulu”

UDyantyi wesebe lezempilo uthi, le bhodi inenxaxheba enkulu ekumele iyithathe kwaye sele inexesha ingekho.

“Ibhodi neemanejala.zesibhedlele mazenze umanyano zinikezele ngeenkonzo kuluntu, zinciphise umngcipheko kula maziko, zikhangele nezixhobo zokusebenza. Sinamatyala angamabango axabisa iR13 yeebhiliyoni zeerandi ngenxa yento ebizwa ukungakhathali kwabasebenzi. Kusekho amatyala asezinkundleni ibhodi imangalelana nabaphathi beli ziko,” kutsho uDyantyi.

Uthi unethemba lokuqhuba kakuhle kwenkqubo yeNHI kweli ziko kunciphe namabango afakwayo sibhedlele.

Ewonke amalungu ebhodi alishumi. UAdv Vusumzi Msiwa ngusihlalo, uNkosi Ngangomhlaba Matanzima ngusekela sihlalo, Mandisa Kalako Williams ngunobhala. Gqr, Pereg Mahlathi, Njing.Jordaan, Nomalungelo Bonga, Sepp Sokutu, Mzwandile Ntshongwana, Ziyanda Vundle, noMfu. Mzingaye Kuse.