Idlwengulwe yabulawa intwazana eneshumi eNciba!

Akukho mtyhi koko ziye zisanda iziganeko zokuxhatshazwa kwanokuphathwa gadalala kwamanina kwakunye nabantwana nangona nje ngoLwesibini, kule veki, bekuqosheliswa iintsuku ezilishumi elinesithandathu ezibekelwe ukulwa ubundlobongela kwabasetyhini.

Oku kulandela emva kokuba kudlwengulwe intwazana eneshumi leminyaka yaze yabulawa yindoda enama43 eminyaka ubudala kwaDyosini eNciba.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa kula mmandla, uKapteni Jackson Manatha, ithi le ntwazana ibisemzini obunomgidi idlala nabanye abantwana ngethuba ibizwa yile ndoda.

Ingxelo ithi emva kokuba umakhulu wentwazana ethumele omnye wabazukulwana bakhe ukuba kuyokubizwa ixhoba njengoko kwakubanda kwaye kunetha, zange libonakale ixhoba nalapho kwaye kwavulwa ityala lokulahleka komntwana kwisikhululo saseNciba.

KuMvulo wale veki, ixhoba lifunyenwe sele labhubha kwindlu ethile engasahlali bantu kule lali nekubonakala ukuba liqalwe ngokudlwengulwa phambi kokuba libulawe.

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uNjengele Liziwe Ntshinga simothusile esi senzo sokudlwengulwa nokubulawa komntwana osemncinane.

Esi sehlo usikhalimele esithi asamkelekanga. UNtshinga ukwaqhwabele izandla namapolisa aseNciba ngokukhawulezisa uphando lwawo.

Le ndoda yenze eli sikizi iseziseleni nalapho ilindele usuku lwayo lokuvela phambi kweNkundla kaMantyi eGcuwa. Ijongene netyala lokudlwengula nelokubulala.