Igqwetha limbethe lamophula ingalo

UNtombekhaya Tyali waseMqanduli notyhola igqwetha elililungu losapho uMlamli Tyali ngokumbetha wamophula ingalo

UNtombekhaya Tyali (68) waseLower Ngqungqu eMqanduli ubethwe wophuka ingalo ngenduku ligqwetha uMlamli Tyali.

Uthi oku kwenzeke emva kokuba usapho lakwaTyali lucele amalizo kumalungu osapho ukuba kungcwatywe ilungu elithile ebelibhubhe kwinyanga kaTshazimpuzi.

“Emva kokuba ootata bekhaya bebambe intlanganiso ngomngcwabo, ndaxelelwa ukuba umyeni wam uza kukhupha igusha, ndacela ixesha lokuba ndixelele abantwana, yaqala apho inkathazo,” ucacise watsho uNtombekhaya Tyali.

Ingxelo ithi kwakule nyanga inye kubhubhe elinye ilungu lekhaya, kwaza kwanyanzeleka ukuba kukhutshwe amanye amalungiselelo.

“Ufike apha uMlamli ehamba ngebhaki yakhe, nenye indoda egushe intonga ekhwapheni, ungene endlini akabulisa nokubulisa wathi uzokuthatha igusha, ungqale ebuhlanti, kulapho afike wandityhala, ndawa wandibetha ngenduku emva kokuba oyise intombi yam ibindinqandela, ndophuka ingalo,”utsho uNtombekhaya Tyali.

Utata weli khaya ukhubazekile emva kokufumana ingozi ngonyaka ka1973, akakwazi kuthetha nakuthatha sigqibo.

“Umhla wamashumi amabini ananye kuTshazimpuzi ngulo mhla andibethe ngawo, ndiye ndaya komkhulu kuNkosi Phathekile Holomisa, ndisiya kuchaza ingxaki yam, ndafika engekho uNkosi,” utshilo uTyali.

Ugqirha wesibhedlele saseMqanduli uthe ingalo yexhoba yophukile emva kovavanyo. Intombi yalo mama uNombhedesho Tyali uthi ubhaqile naye kwizithonga zeli gqwetha.

“Wandileqa ngenduku endigqibisa iyadi, kuba ndandinqandela umama,” utsho uNombhedesho Tyali.

Ityala lokubetha, ukungena emzini ngaphandle kwemvume nokuthukwa livuliwe kumapolisa aseMqanduli.

“Ndiwuxelile umcimbi kwindoda endala yekhaya ngeenjongo zokuba ndibazise, akazange awulandele, koko kufike abantu abane bekhaya bezokundigrogrisa besithi abazukuphinda beze apha emzini wam, abo nguNoluthando Mpetha, Siyabulela Tyali, Lungisa Tyali, Maza Tyali,” kutsho uNtombekhaya. Kwiinzame zethu zokuthetha negqwetha uMlamli Tyali uthethe wathi: “Andisokuze ndithethe ngalo mcimbi kuba usezinkundleni zamatyala, akukho nto ndizakuyithetha,” utshilo. Ingcali kwimicimbi yemveli amasiko nezithethe uGqirha Nokuzola Mndende, uthi udelele kakhulu uTyali.

“Kwiinkundla zombini eyesiNtu nenkundla yaseNtshona, kukudelela nokwaphulwa komthetho kakhulu oku kwenziwe ngulo mntu, umthetho mawungene kuye,” utshilo uMndende.

Ukanti iCommission for Gender Equality ngokukaJavu Baloyi, ithi iza kuwuthathela kuyo lo mcimbi.

“Siza kunyanzeleka ukuba siqwalasele ukuba umama ufumana ingcebiso ngokusemthethweni, umntu onjengegqwetha kumele ukuba ungumzekelo eluntwini ngokukodwa ukukhuselwa kwabantu abadala,” uthethe watsho uBaloyi. Lo kaBaloyi uthi baza kusebenzela ukuba liphume kuluhlu lwamagqwetha eli gqwetha linguMlamli Tyali.

UNkosi Phathekile Holomisa ungqinile ukuba lifikile ityala elinje enkundleni yakhe.

“Ngenxa yobuzaza balo asikhange siliqale nokuliqala sele lixoxwa yinkundla kamantyi eli tyala,” ucacise watsho uHolomisa.

Ixhoba lifumene icebo kwinkundla kamantyi eMqanduli.

“Ndifumene isithintelo senkundla kwamantyi, esithi angaze aphinde asondele kwam uMlamli Tyali. Asifumenanga mpendulo kwiLaw Society ejongene nokuziphatha nendlela asebenza ngayo amagqwetha kweli. Othethela amapolisa aseMthatha uKhapteni Dineo Koena uthi lingenile ityala kumapolisa aseMqanduli.

“Umtyholwa ungaphandle ngebheyile yewaka leerandi, uza kubuyela enkundleni ngomhla wamashumi amathathu ananye kule nyanga,” utshilo uKoena.