Iinkwenkwezi azikhanyi ngokufanayo

Intloko kwisebe lezemfundo uThemba Kojana kunye noMphathiswa wezemfundo uMandla Makupula bemi kunye nabafundi abaphumelele emagqabini ibanga leshumi kunyaka ka2016 UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Siphokazi Hlalukana, Holy Cross Senior Secondary eMthatha

Lo mfundi uwongwe njengophumelele kwindawo yesibini kwilizwe liphela kubafundi abakwizikolo ezikwibakala lesithathu (Quintile 3). UHlalukana, ozakufunda izibalo (Applied Mathematics) eUniversity of Pretoria, uphinde wawongwa nangurhulumente wephondo.

“Ndonwabe kakhulu, ayikholeleki into yokugqwesa phakathi kwabafundi abangaka. Into endibeke kule ndawo ndikuyo, kukuncama ulonwabo ndifunda iincwadi zam. Nakwabanye abafundi ndingacebisa kwalo nto inye, eyokuba ukuba uyalihlonipha ixesha lakho lokufunda uzakuvuna okuyolisayo.”

Anelisa Marwanqana, Mariazell Senior Secondary eMaluti

Lo mfundi ufumene iimbasa ezimbini, eyokugqwesa kwisiXhosa neyokutshatshela kwizikolo ebezifudula zihlelelekile. Ngoku uzakwenza iActuarial Science eWits.

“Uvuyo endinalo lolungathethekiyo. Umlomo ndixakwe nakuwuvala, andiyazi nokuba mandithini, amazwi aphelele emqaleni. Ewe ndisebenze nzima kakhulu, ndilungiselela uviwo kodwa impumelelo enje andikhange ndiyilindele. Bendiyazi ukuba ndiza kuphumelela kodwa hayi ngolu hlobo.”

Lamla Gibson Ngwenya, Sakhululeka High eBhofolo

Lo mfundi ufumene iwonga lokuba ngomnye wabafundi abatshatsheleyo kwisithili saseBhofolo. UNgwenya uzakwenza iAccounting Science eWits.

“Akukho nto yohlukileyo endithe ndayenza. Bendiyinxalenye yeenkampu zokufunda ezisekwe ngurhulumente. Ukusebenza nzima ndikwenzile, kuba bendingalali ebusuku ndifunda. Ndiyavuya kakhulu ukubona ukuba umsebenzi onzima endiwenzileyo uze neziqhamo ezihle.”

Vuyanathi Mpande, Jongile Nompondo Senior Secondary eCumakala

Lo mfundi uthe wawongwa njengomnye wabatshatsheleyo kummandla waseCumakala, nanjengoko ethe wafumana * -100% kwinzululwazi (Physical Science). UMpande uzakwenza iAccounting Science eWits.

“Iye yandothusa le mpumelelo, kodwa ndakufika apha (eMonti) ndonwaba kwamnandi. Ndiqale ukufundela iimviwo zokuphela konyaka ngexesha leeholide zenyanga yeSilimela. Bebesithi ootitshala xa bezakuqala ukufundisa into ethile, ndibe mna kudala ndiyifundile, sele ndiyazi.”

Phumlani Gqala, Sangoni Senior Secondary eLusikisiki

Lo mfundi ufumene * -100% kwiAccounting nakwiEconomics. Engakholelekiyo kukuba uthi iAccounting ebezihlohla ngokwakhe kuba ititshala yabo ayikabinamava kwesi sifundo. Naye uzakwenza iAccounting eWits.

“Ezinye iindawo kwiEconomics bendizihlohla ngokwam. Ukugqwesa kwizifundo kungenxa yokusebenza nzima. Ndisothukile yimpumelelo enje futhi ndibulela uThixo ngokuba secaleni kwam. Ndiqale ukufunda kusaqala unyaka ka2016, kuba bendifuna ukuba ngomnye wabafundi abagqamileyo ephondweni.”