Ikrakra impilo kwaMdonci eSajonisi

xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxxx

Ubudlaka-dlaka bezindlu oluhlala kuzo usapho lakwaMdonci eNtsimbini eSajonisi, benza krakra impilo yolu sapho, ukunganakwa kwabo emva kokubhubha komama wekhaya uTutseka Mdonci ebulawa ngumatshini owenza indlela owawuvela kwamasipala kongeza intlungu.

Ngonyaka ka2011 lo mama wagraywa ngumatshini wokwenza indlela wabhubha eshiya ngasemva umolokazana wakhe nabantwana kwizindlu ezidlakadlaka.

Umbutho wabahlali abazibiza ngokuba uManyano Lwabaphulaphuli Initiative, uthathele kuwo idabi lokubhentsiswa kweli sikizi emva kokubona imeko elihlala phantsi kwayo olu sapho.

Usihlalo walo mbutho, uModi Maqabaza, uthi abasokuze baphumle kungekho manyathelo athathwayo ngeli khaya.

“Ayilandeleki into yokuba umntu abulawe ngolu hlobo ngumatshini wakwamasipala kuze kuphinde kungabikho manyathelo, abantu abahluphekayo apha bakhelwe izindlu kodwa olu sapho alukhange luhoywe,” uthethe watsho uMaqabaza.

Unyana weli khaya uZisebenzele Mdonci, uthi bafumana imali ekumawaka amane kuphela emva kokubhubha kukanina ngenxa yale ngozi.

“Zimbi kakhulu ezi zindlu ziyanetha, ziyabanda, asikhuselekanga zingawa nanini, isiphatha kakubi le nto yokubulawa kukamama aze umasipala angasihoyi, izindlu zakhiwe apha elalini ngumasipala, kodwa abakhange beze apha sinemeko enje,” uthethe watsho uMdonci.

Imeko yokungabikho komntu ophangelayo kweli khaya yenza ukuba kubenzima ukuzakhela indlu.

Ingxelo ithi umasipala waseSajonisi wakhe izindlu ezilishumi kule ndawo, zisakhelwa iintsapho ezihluphekayo, kodwa aluzange lufumane olu sapho. Ngabantwana abaminyaka iqala kwemihlanu abahlala phantsi kwale meko.

“Xa kunetha imvula asivuyi kuba siyanetha, ulele nje uyazibona inkwenkwezi, ebusika bayagodola abantwana, asiphangeli, asikwazi kuzakhela izindlu ezingcono,” utsho uMdonci.

Usodolophu womasipala waseSajonisi uLindelwa Rholobile, uthembisa ukwenza uphando olubanzi ngemeko yeli khaya ukuze lakhelwe indlu ngokukhawuleza.

“Xa kusilela aba bantu sisebenza ngabo phaya ezilalini kubakho ingxaki yokushiywa kwabona bantu kumele ukuba bafumana uncedo, besikula wadi ikuyo le lali sinikisa ngezindlu, andazi ukuba basilele njani bona ukuba bangancedwa,” ucacise watsho uRholobile.

Lo sodolophu uthi uzakugqagqanisa ukwenza uphando olubanzi ngoyena nobangela wokufika koncedo lwendlu kweli khaya.

“Ukuba akukho bantu bathethayo ngengxaki ezinje ezilalini, zivezwe, zixelwe kooceba, kwiwadi-komiti nakwiNkosi kubanzima kuthi ukuyazi loo ngxaki, siyacela abantu mabathethe,” uthethe watsho uRholobile.