Imilonji!

Phaya kula mhlaba wakuNgcengane ndiqabuka isiphalukana uJusefu, ilali yam ke, isesona sibomvu.

Ulutsha lweendawo ebezisele zigutyungelwe yingqobhoko belusakholana neziyolo zobubomvu, lusiya kuJusefu ke ngoko. Akukho mdaniso namitshotsho ibithandwa njengeyala ndawo yethu.

Njengokuba imidaniso yayijikeleza, iilali ezimeleneyo zibolekisana, ngamanye amaxesha amakhwenkwe ezinye iilali ebeyenzela phaya kuJusefu imijikelo yawo.

Zonke ke ezo zinto ziye zabanda ekuhambeni kwexesha. Sidudulelwe esikolweni ke kwakubanjalo. Apho ke sifikele zintweni zimbi, zithiywe okomzondo ezo zethu.

Njengabantu bengoma nomdyusho, sifakwe ezikwayaleni. Sathi ke ngokoyisakala bubuceducedu bomculo weekwayala saba zizothameli, sangabakhaphi nabaphembeleli. Besihamba amakhakha ke neekonsathi.

Sifike sadunyelwa nalapho, sibethwe eluphondweni zizitibili. Sasilandela imilonji eyayisitsho kubande emazantsi esisu kusike umchachazo kuyothi ga ngengquku. Neento ezazibhesa nga zimumathe intsikizi, zitsho kuqhaqhazele izinki kuwe amaphela emqadini.

Kuculiwe apho ngabo bafo nezo nzwakazi. Iinzwakazi ezazilambisa ngathi zidla amanzi kuphela, ziwutsala umoya ngathi azinamiphunga. Soyiswa zezo nto kanye ke thina bonomthina.

Ndithi ndakucinga obo buceducedu bomculo baloo mihla ndizive ndinentsini luninzi lomculo wanamhlanje.

Kaloku ngaloo mihla umculo wawungeyondawo yokudlalela, umgangatho wawuxhome kakhulu. Abantu abahlabelayo yayingaba bantu ndibabalisayo, ndithi babesitsho kubande! Kwakungahlabeli nje nabani na. Nakweminye imiculo kwakukho iinto ezikwanjalo.

Yaguquka ke yonke loo nto yemilonji ndiyibalisayo. Ngoku nokuba unelizwi elirhwexayo uyayiqala ingoma. Nabalandelayo bakwanjalo. Iimvumi kule mihla zide zibenazo neendawo ezithethayo engomeni, uve ukuba akaculi uyathetha ngoku lo.

Isingqi siguqulwa nakanjani na engomeni, ubone ukuba ubudanisa laa mdaniso wethu ubunokhubeka uwe. Unyawo lomdaniso lalulandela isingqi, sithi sakubhuda nonyawo lubhude.

Ngenxa yokunqaba kolo hlobo lomculo wemilonji ke andisathengi mculo. Lowo wemilonji umculo ufumaneka nzima ezivenkileni. Inene amaxesha ayahamba esimka neento zawo! Andithi azikwazi kucula ke iimvumi zale mihla, kuba nowazo umculo unabawuthandayo.

Igama elithi “imilonji” ke lithathelwa kwintsholo yeentakazana ekuthiwa yimilonji okanye ulonji.

Ziintakazana ezintyiloza zonke kungekho ivakala ibhuda ezindlebeni zophulaphuleyo. Zintakana ezisoloko zihamba zingumhlambi, ukusuka kulo umthi ziye komnye.

Akusoze ufike luthule ke olu hlokondiba lweentakazana, lusoloko luntyiloza. Luntyiloza nje ke luyadla okanye luyadlala okanye luyatyobana, aluhlelanga nje. Kodwa intsholo yazo ibangathi yecwangcisiweyo ukuba ikunike isingqi noncuthu lwesandi. Kungenxa yobumnandi bale ntsholo ezindlebeni zomphulaphuli wayo ukuze iimvumi kuthiwe yimilonji.

Andazi ke nokuba igama elithi “imilonji” xa kuthethwa ngeemvumi zale mihla lisafanelekile na. Mhlawumbi ke ingaba sicalula ngokungena bulungisa xa sinothi imilonji zeziya mvumi zamzuzu kuphela, ezi zale mihla aziyiyo? Ndiyafuna ukuhamba nale ngcamango ithi imilonji ziimvumi zamzuzu, ezale mihla aziyiyo. Isizathu ke sesi sikule nkcaza yomlonji apha ngasentla. Kwathiwa yimilonji ke ezo mvumi ngenxa yale meko kalonji.

Asikwazi ke kambe nokuthi kubaphulaphuli banamhlanje ezi mvumi yimilonji, kuba kaloku ulonji usenjengoko wayenjalo akakaguquki njengokuba iimvumi zaguqukayo nje. Ingaba sifana nje nabangamaziyo ke ulonji ukuba singathi iimvumi zale mihla yimilonji.

Mandingajanyelwa ke bethu ngale nkcaza nengxoxo. Andigxeki nto, njengoko senditshilo ukuba umculo usathandwa nanamhla oku, koko ndinika nje imvelaphi yegama elithi iimvumi yimilonji.

Ukuba ke nezanamhlanje yimilonji makube ulonji waguquka. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.