Ingxaki yamafama asakhasayo

Umsebenzi esebenza kwifama iSpringfield Fresh Produce ePhilippi eNtshona Koloni UMFANEKISO: Tracey Adams/ANA

AMAFAMA akwinqanaba eliphezulu okanye angoongxowa avelisa ukutya phantse kuye wonke umntu weli lizwe, kodwa ingxaki yendlala ayifikeleli esiphelweni.

Oku kungenxa yokuba amafama asezilalini akanazo izakhono nezixhobo ezoneleyo zokuvelisa okwazo ukutya.

Le yindlela ayibona ngayo ingxaki yeshishini lezolimo kweli lizwe, uHamlet Hlomendlini, ongusoqoqosho wezolimo kwibhanki yakwaABSA.

UHlomendlini ebethetha kwingxoxo emalunga nezolimo ebiququzelelwe yiOliver and Adelaide Tambo Foundation eFort Hare eDikeni.

“Kwingxoxo yam ndifake unxantathu obonisa iintlobo zamafama apho bendibonisa ukuba sinamafama antlantlontathu, lawo amakhulu, aphakathi nalawo mancinane. Amafama amancinane ngabantu abazilimela phaya emakhaya.

“Ingxaki esinayo lilizwe apho uye ubone ukuba ukutya kunqongophele kubantu abangamafama asakhasayo, kodwa uve ukuba kukhona ukutya kubantu abangamafama angoongxowa nkulu.

“Amafama angoongxowa avelisela ukutya abantu abakuma-80%. Umbuzo ke kukuba siwaxhasa njani amafama asezilali kumba wokuvelisa nokukhusela ukutya. Urhulumente namashishini abucala, afanele ukuthabatha indima kule nyewe,” utshilo uHlomendlini.

UHlomendlini uthi xa amafama asezilalini enokuxakathiswa ngolwazi nezixhobo, ungaphela umbandela wokuxhalaba ngokuveliswa kokutya.

UNatasha Alie, umanejala weeprojekthi eOliver and Adelaide Tambo Foundation, uthi iinjongo zalo mbutho kukuqhuba iingxoxo ezakha ilizwe, kwaye bakhethe iYunivesithi iFort Hare ngenxa yamava ayo kwezolimo.

“Kubalulekile ukuthi ukuquka abantu kwanabafundi kumba wezolimo, kuba kwabelwana ngolwazi. Into ebalulekileyo kukuqinisekisa ukuba sifumana izisombululo kuzo zonke iingxaki ezijongene noluntu kwimiba yezolimo. Oko singakwenza xa sifuthelana ngolwazi,” utshilo uAllie.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za