Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Molweni tata. Ndinephupho endinalo, la nto yokuphupha ndisitya kodwa ndilele. Elesibini ndiphuphe kukho umntakwethu ongasekhoyo ingathi ndihleli naye endlini enkulu.

IMPENDULO: Camagu. Ukuphupha usitya asinto intle leyo kakhulu funa uncedo lwesintu ngokukhawuleza, eyona nto ifunwa ngumntakwenu izovela nayo xa uthe wayokusabela iphupha elo.

IPHUPHA: Camagu, ndiphupha ithafa elitshileyo kodwa kubaleka ibhokwe enebala elibomvu ileqwa zizinja ezifana nayo ngebala, nazo zibomvu.

IMPENDULO: Iphupha lakho lifuna uphicotho olubanzi kuba liqulathe umyalezo ekufuneka uviwe likhaya kuphela andivumelekanga nam ke ukuwuthi pa-ha esidlangalaleni, ukuba ninako wusabeleni okanye nindibambe ecaleni.

IPHUPHA: Camagu tata, ndinguMamNgwevu ndizalwa nguMamCira, ndicela ukucazululelwa iphupha, ndiphuphe ndinyuselwe imali emsebenzini ifakwe kwi-envolope ebrown ibhalwe ngepen emnyama imali, xa ndiyivula le envolope kukho imatches phakathi akukho mali, ndicela ukuncedwa apho, enkosi.

IMPENDULO: Camagu. Makube yimigcobo kuwe kuba imehlo lezihlwele zakho lijonge kuwe kwesi sihlandlo uza kuvuzwa. Amathamsanqa asendleleni.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza, ndiphupha ingathi ndihamba nosisi wam sicangcatha emlanjeni ezantsi kukhona amanzi, umlambo lo ubonakala enzulu, isingathi usisi wam uye wabhuda istep wayokuwa ezantsi kodwa akawela emanzini mna ndakhangela indawo ebhetele, ndawela.

IMPENDULO: Camagu. Thabathani iintonga nikhe niyokusabela, kubakho sikhalo malunga nokunganaki kwenu umshologu ophakathi kwekhaya lenu.

IPHUPHA: Molo Mophilisi, ndivuka neli phupha, ndiyarojwa ngabafana ababini ngabalapha estratweni sam, bendibazi ke ephupheni andibazi ngoku bandixuthela ifowuni, qha ndiyalwa andivumi.

IMPENDULO: Camagu. Khawukhe ulungise izinto zekhaya kuba iphupha eli lisisilumkiso kuwe.

IPHUPHA: Molweni vela ukuqonda. Xa uphupha utata omdala ehamba nomntu ongumakhulu omdala naye, bakubuze ukuba uphi na uzixele apho ukhoyo wakugqiba ukuzixela, wethuke

IMPENDULO: Camagu. Zizinyanya zakho ezo ziyakubuza kuba ziyakufuna azikufumani. Xa kunjalo ke kuchaza ukuthi akukho mzi wakho okanye wakowenu usezingqaqheni awuvulwanga kwaye akukho siko likhe lenziwa egameni, izihlwele zekhaya ngoku abantu bakowenu abakwazi ukuza kuvelela.

IPHUPHA: Molweni tata, ndicela ukulanyulelwa eli phupha legirlfriend yam, uthi ingathi sihamba sobabini sisendaweni eyintlango kodwa elalini yakhe apho sidibene khona nalo mfana ungumlungu sibe sihamba kwiyard ke yotata ocaba unebandla aph’elalini yakhe, kodwa apha ekuhambeni lo mlungu umane ehlaba phantsi kule ndawo kuthiwa sisibingelelo kodwa imela le ahlaba ngayo imane ibuya inegazi namessage ekucaba iqondwa ndim nalo mlungu, kodwa apha ekuhambeni kwephupha ngoku ingathi silaphe Kapa siya emsebenzini qha sibe ixesha singalazi ukuba ngubani ngoku sithi masiyojonga ebus stop, xa sifika kukho umfana omnye sijike ngeliyokulanda iibags zethu, ekubuyeleni endlini kubekho umntu ongathi uyasileqa sibaleke sitsibe iiyard zabantu sifike kule yard, umntu wayo ephuma uba eza wuphangela sixolise ke for utsibi yard, xa siphuma ingathi siselalini yakhe agatini kwelityeli sidibane nezikoli sibe sibaleka, sibone indlu elayitileyo sibalekele kuyo, xa ndiqala uvala abe enotisa uba yindlu yezi zikoli le siphinde siphume sibe sisilwa nezi zikoli yena, uthi apha uyabhabha ubambe esinye kuzo ubetha ngaso ezinye xa ejonga mna ndihleli phantsi ingathi ndiphelelwa ngamandla, azondibetha nam for uba ndivuke, kubekho lo ophethe mesi andihlabe nje kancinci ndiyixuthe imesi, ndibahlabe ngayo kube kugcwel’igazi nje phantsi. Enkosi ndixolise ngobamde ngase ndikunike zonke iinkcukacha.

IMPENDULO: Camagu. Iphupha lakho liqulathe okuninzi kodwa ndiza kushwankathela ndithi lumkela iintshaba. Kukho abantu abasondeleyo kuwe okanye wena ozayamanisa nabo babe beneenjongo ezigwenxa ngawe. Ewe wena ungumntu onesiphiwo sokwazi ukwahlula okubi kokuhle kwaye lo nto ikwenze iintshaba nangakumbi, ngoko ke jongana nobomi bakho. Zikhwebule kwezinye iindlela zakho kwaye zikhusele khona ukuze uzokusinda emlonyeni wengonyama. Chosi.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538

*www.umphilisi.co.za