Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu mhleli wephepha lesiXhosa endilithandayo, ndicela undicacisele malunga nephupha endisoloko ndiliphupha, bendisoloko ndiphupha ingathi kukho into endileqayo qha ithi xa ikufuphi ndisuke ndiyikhabe ndibhabhele phezulu ingandifumani qho xa ikufuphi ndiyayikhaba ndibhabhe.

IMPENDULO: Iphupha lakho lizama ukubonisa imeko ophila kuyo enamahla ndinyuka obomi – iphupha kengoku liyakutyhilela ukuba ayiqhelekanga kungoko kufuneka ufune uncedo.

IPHUPHA: Ndikhe ndaphupha ndihamba phezu kwemali engamaphepha eninzi qha ndisuke ndothukele kulo nto, ndicela undicacisele.

IMPENDULO: Yimpumelelo ezayo kuwe leyo.

IPHUPHA: Camagu tata, ndiphuphe umakhulu wam ongasekhoyo ingathi sihleli siyathetha, kodwa andiyikhumbuli into ebesiyincokola besihleli phaya kulo mama . Ingaba lithetha ukuthini eli phupha. Kwelinye iphupha udade wethu uphuphe eleqwa sisikhova ingathi sifuna ukumxhola uthi ubengabaleka hayi siyamleqa, wabalekela kumzi okufutshane nasekhaya kuba kulo mzi bekukho umcimbi kodwa khange simyeke nalapho uthi nabanye abantu bakhala watsho wothuka. Eli phupha uliphupha apha eKapa ebevela ezilalini ekhaya. Tata ndicela undicacisele ingaba lithetha ukuthini eli phupha, ndiyoyika.

IMPENDULO: Onke amamphupha wena abonisa ngemeko apho izinyanya zenu ziza kunikhalala ngenxa yokutyeshela amasiko nezithethe zenu. Oku kunokubangelwa yimisebenzi emininzi eningade niyenze.

IPHUPHA: Molo tata, ndicela undincede, lithetha ntoni eli phupha xa uphupha uzituwela.

IMPENDULO: Yingxaki enkulu leyo kuba kuzakuba kubi mpela kuwe. hamba uyokuwusabela lo mba.

IPHUPHA: Ndiphupha ndisemgxunyweni ekucaca eyoba yayisisitishi samanzi ngoko ndizibona ndilapho kukho amatye amakhulu apha ezantsi, ndibona inkuma ndiyigibisele ngelityana ibaleke, xa iphuma izophuma apha ngakum iphume seyingangenyoka, ndicela ukwazi lithini.

IMPENDULO: Lungisa ukuhlala mhlekazi kungekonakali. Kukho abantu abakwakhele umkhanyo nabazakudiliza. Zama ukuzikhusela.

IPHUPHA: Ndiphupha sisenza amaqhakhi sithiyela iincanda nendoda engummelwane, ndothuka, lithini tata.

IMPENDULO: Incanda ineentsiba ezihlabayo, ntsiba ezo ngokwephupha kusenokuba zizinto ezikuzungezileyo ezingentlanga ncam, kuyacaca ke ukuba umakhelwane lo anganako ukunceda kwisisombolulo sale ngxaki ukuyo.

IPHUPHA: Camagu mzi kaPhalo, ndicela ukukhanyiselwa ngeli phupha lindambathileyo ngathi ndiphupha kunomsebenzi kwisizalwane kuxheliwe, ndithunywe ba mandokha magqabi omthi komnye umzi ngathi ndifike kungekho bantu kodwa ndingene egadini ndiwakhe la magqabi, ndithe ndisahamba nako ndileqwa ngumninimzi, ndisabaleka njalo ndikhwazwe ngumama wam ongasekhoyo ba mandizongena kulo mzi msinya angazondibona lo mntu undileqayo, nyhani kwenzeka akandibona niphume ndiye apho ndithunywe khona yaba kukothuka kwam.

IMPENDULO: Yenzani lo msebenzi kudala kufaneleke ukuba niwenze kungekonakali iphupha lichaza lonto.

IPHUPHA: Ndiphuphe unonkala usilwa nekati emhlophe kodwa le kati ayikwaz kulwa nalo nonkala ngenxa yokuba unonkala uyitsala ngoboya ngeskera esi sakhe ikati iqhwaba ngempama kwela qokobhe likanonkala kudala ndizama uliphicotha eli phupha.

IMPENDULO: Izihlwele zakho zikwimeko yongquzulwano kukho lento kungavisiswana ngayo kwaye kuyacaca ukuba lento inawe phakathi. Chosi.

IPHUPHA: Camagu ndiphupha ngathi ndifowunelwa ngumama ongumZulu, MNA ndingumXhosa undibuza ukuba kutheni ndinqaba ukunika icousin brother intlonipho endala, uthi bethumele uMsikeleli ucousin brother uba atsho kum ndimnike ngoku iyandihlupha le nto andiyazi ithetha ukuthini ndicela ucazululelwa nkosi yam.

IMPENDULO: Ikho le nto ikhalinyelwayo niyenzayo kumzala lowo wenu nokuba kukumbukula okanye ukumchwetha kwimiba yekhaya abe yena etyunjiwe ngamanyange.

IPHUPHA: Camagu, ndiphupha umama uthile ephete iJug ezi zincinci zinomqombothi qha ngoku akandiniki ngesandla ebemele undinika ngayo yazipithanisa undinika ngesinye ndixakwe kemna ndingathathi, kusenjalo kuvele utata awuthathe awusele ngokwakhe. Utata akaseko emhlabeni. Ndicela uhlalutyelwa.

IMPENDULO: Sila utywala kuba bufunwa kuwe. Nguwe omele ukupha ezo zihlwele zakho zingasekhoyo.

IPHUPHA: Ukuphupha umntu wesifazane enqunu?

IMPENDULO: Kukhona okuzovezwa ngalowo umbonileyo ukuba ngowosapho kukho nto ahleli phezu kwayo ekufuneka eyibhentsise kusapho olo. Ukanti xa ingowangaphandle umntu lowo uza kutyhilwa ngezenzo zakhe ezimbi.

IPHUPHA: Molweni tata, ndiphupha imoto endiyisebenzisa emsebenzini, mna ndihleli kuyo seyiqhutywa lixhego limise lehle lishovele le moto emanzini ibengathi mna ndiyabuza ‘wenzani? yimoto yabelungu lena!’ Alizange lindiphendule ixhegu yatshona imoto emanzini.

IMPENDULO:Khawukhe wenze ibhekile ngenjongo zokubulela izihlwele zakho ngomsebenzi lowo wawuphiwayo phambi kokuba ebekuphile baphinde bawuxuthe.

IPHUPHA: Ndiphupha inyoka encinci indirhintyela emlenzeni kodwa ayoyikeki.

IMPENDULO: Zizihlwele zakho ezo zizibonisa ukuba zikunye nawe kulo meko ukuyo. Chosi.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538