Intlungu yentwazana ena-6 edlwengulwe yabulawa!

 

Le ntwazana nguInathi Mhlahlo waseMdantsane obeneminyaka emithandathu kuphela ezelwe, ebethunywe evenkileni engekudanga kowabo ngoMvulo emva kwentsimbi yeshumi elinesibini emin’ emaqanda.

UInathi akabuyelanga kowabo de banesithukuthezi kowabo nto leyo iye yaxhalabisa.

Emva koko uInathi uzokubhaqwa ngumfana obezihambela ngakumatyotyombe angekudanga kowabo sele ebhubhile enenxebakazi lokuhlatywa elisemqaleni kwaye edlwengulwe.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nekomiti yasekuhlaleni yombutho iEFF, uBongiwe Mandoyi, nodize ukuba umntwana uqhele ukuthunywa njengesiqhelo kule venkile.

“Siza kubafihlaphi abantwana bethu kwezi zinto zimbi kangaka zenzeka apha? Siphakuphaku ngoku! Embi into kukuba akukho kokuqala isenzeka le nto kule ndawo. Kwityeli elidlulileyo ibingumntwana ona-11 ubudala, nakuye zange lihambele ndawo ityala. Siyacela abenzi bobubi babanjwe, ibuhlungu le into!” utshilo uMandoyi.

Uthi kumama womntwana kusekubi kuye njengoko kungelulanga ukwamkela esi sihelegu.

Iingxelo ezivakalayo zezokuba usodolophu uXola Phakathi negqiza lakhe bakweli khaya sithetha nje beyokugxwala emswaneni.

UMandoyi uthi beyiEFF baza kutyelela nabo kweli khaya.