Inzima imbangele ancede abanye

Inqununu yesi sikolo iTongani J.S.S uSongile Siyo kwakunye nootitshala bakhe ngethuba betyelelwe yiLeesah Cares Foundation.

Igqiyazana laseNkanya eXhorha uNozalisa Woza (27) nongumnikazi wombutho ongenanto yakwenza norhulumente iLeesah Cares ojongene nococeko lwabafundi, uthi enye yeetitshala zakhe esengumfundi wamabanga aphantsi, yamxelela esidlangalaleni phambi kwabanye abafundi ukuba ayanuka amakhwapha wakhe.

Uthi kulapho kwaqala khona ukuhlaselwa kwakhe ngabanye abantwana, ezibona kwehlile ukuzithemba nokuzithanda kuye. UWoza uthi wazixelela ukuba ekukhuleni kwakhe uza kuthi alwenze utshintsho kubantwana abangathathi ntweni abafana naye.

Sithetha nje ngoku sele eqalisile nephulo lakhe lokuhlangula abantwana ekunzima ukuba babe nezinto zokuthambisa.

Uthi uqale kwisikolo esikwilali yakhe iTongani J.S.S. apho akhupha kuye epokothweni athenge ezi zinto zifana neephedzi, izinto zokuhlamba amazinyo, ezokuhlamba umzimba nezokuthambisa amakhwapha ukunqanda iphunga.

Uthi usaludinga uncedo kubantu abanokuthi bamxhase ngezi zinto zokucoca umzimba. Uthi akahoyenanga namantombazana kuphela, nabantwana abangamakhwenkwe bayaxhamla kuba uthi amakhwenkwe ngabantwana abangakwaziyo ukuthetha njengamantombazana. Uthi nokuba sele ephelelwe umntwana oyinkwenkwe zizinto zokuthambisa akubi lula, nto leyo ibenza bephela behlaselwa ngokunuka kwabo ngabantwana abangamantombazana. Uthi oko kuhlaselwa kwamakhwenkwe kuko okwenza amakhwenkwe azilwele ngokuthi abe ndlongondlongo ngokohlobo asabela ngalo xa esoyisakala ekuhlekweni ngamantombazana.

“Ndizama nokunqanda lo nto ngokwenza oku. Ndifuna namakhwenkwe azithembe kwaye angasabeli ngokulwa kubantwana abangamantombazana. Bendizixelele ukuba ndiza kunceda kuphela abo bangenabo abazali kwesi sikolo, kodwa ndaphinda ndajika ndacinga ukuba nam ndikhula ndizisokolela ndabe ndinaye umama, koko etsala nzima,” utshilo uWoza.

Uthi okwangoku usanceda esi sikolo kodwa injongo kukuba aphumele nakwesinye isikolo kuba zibini kwilali yakhe, kungenjalo ezona njongo zinkulu kukuya nakwezinye iilali ezingekho seXhorha.

UWoza ucela inkxaso koosomashishini bephondo ngeenzame zokwenza umohluko. Uthi kwinkxaso yakhe yokuqala yalo nyaka uyifumene kowayedlalela iqela lebhola iKaizer Chiefs uJunior Khanye.

Eli gqiyazana lenza izifundo zobuciko eByron Bure Theatre and Arts Academy eKapa. Likwasebenza kumabonakude waseCity Varsity. Likhuliswe ngumzali walo nzima ethengisa iziqhamo.

Inqununu yesi sikolo saseTongani J.S.S uSongile Siyo walithakazelela eli phulo liza noWoza, ngokokutsho kukaWoza. UWoza uthi zange alibazise uSiyo wavula izandla kwakunye nootitshala bakhe kuba bebona ukuba le yinto eza kuphucula abafundi bakhe.