Isikhumbuzo senkululeko yethu

Qho ngomhla wama-27 kwekaTshazimpuzi sikhumbula usuku esathi sathatha inxaxheba kunyulo lukazwelonke. Abanye kweli gumbi lethu leendaba zange bavote ngoko ngoba babengekayigqibi iminyaka eli-18 kunyaka ka-1994. Nangona kunjalo, wonke umntu owayekhona ngezo ntsuku wayibona imincili nemingcelele yamawaka waka abantu abathi bathatha inxaxheba.

Ngoko kwakuqinisekile ukuba iANC izakuluthatha ulonyulo olo. Nangoku, yaba yiyo ephumelelayo yabe iyasikhulula kulawulo lwengcinezelo.

Andazi nokuba kwakulindeleke ntoni.

Kodwa umqulu wenkululeko wawuqulathe zonke izithembiso zobulingani, umhlaba, ubutyebi bezwe, imfundo, impilo, njalo-njalo. Zonke ezo yayizizinto ekwakulindeleke ukuba urhulumente wesininzi aqinisekise ukuba ziza ebantwanini.

Namhlanje singathi kunjani?

Ingaba emva kweminyaka engama-22 sikhululekile singabhala sithi zafezekiswa zonke ezo zithembiso? Zeziphi ezinye zezinto esisazilindele kulo rhulumente wesininzi?

Sibhala nje kukho imibutho efana neeDA kunye neEFF ekhwela izehlela kwiANC phantse yonke imihla. Nakule mpelaveki siphuma kuyo abeDA bakhale ngorhwaphilizo lwemali olubangela ukuba isininzi singaxhamli kwiinkonzo zikarhulumente. Bathembisa ukulwa urhwaphilizo.

Kwelinye icala, iEFF izakuthi thaca owawo umqulu wezithembiso kule mpelaveki siya kuyo, nabo siqinisekile bazakugxila kumba womhlaba nobutyebi boMzantsi Afrika. Imisebenzi yenye yezinto ezakuthi gqi. Ingxaki ngale yemisebenzi yeyokuba, kunzima nokuba urhulumente angathembisa inani elithile lemisebenzi ngoba kwa inani lezithuba anazo alanelanga. Kufuneka kukhuthazwe inkcubeko yokuqala amashishini amatsha, kubekho neenkqubo zokuxhasa oosomashishini abasebenza kwezemveliso.

Owona mngeni ujamelene nale nkululeko yethu namhlanje singathi yimali. Ewe, sikhululekile, kodwa asinayo imali yokwenza unothanda kwizwe lethu. Leyo ke ifana nqwa nokuxelela ibanjwa ukuba likhululekile libe ke phofu lingenanto. Kwenziwa ntoni ngemeko enjalo?