Iveki yokhuseleko labantwana

Endleleni eya kuQobo Qobo izolo sikhe sathi tshe abantwana besikolo behamba imigama emide esuka esikolweni; abanye babo bemiselwa ziimoto zibehlise apho baya khona.

Apho kuye kubekho inkxalabo kuxa abantwana abangamantombazana bekhwela ezi moto behamba bodwa. Ngaphakathi kulo moto kukho umqhubi oyindoda. Kudala sibhala ngeziganeko zokudlwengulwa kwabantwana abancinci kweli phepha.

Sihleli nje kukho abantu ababona abantwana njengezisulu zabo. Kuphinde kubekho nabantu ababona abantwana njengotshaba okanye njengabantu abafanelwe kukuxhatshazwa.

Umntu xa ephethe umntwana omncinci kakubi zube kuqhubeka ntoni engqondweni yakhe?

Sesinamaphulo afana neChild Protection Week okanye iveki yokhuseleko labantwana nje bekutheni? Konakele phi?

NgeCawe singene kule veki yabantwana ephela kule mpelaveki izayo. Kwamanye amaphondo eMzantsi Afrika kucetywa iinkqubo zokulwa iziyobisi kulutsha, iinkqubo zokuqeqesha ulutsha nokubafundisa izakhono zokuziphilela. Kuzakuqwalaselwa neenkedama namakhaya akhokelwa ngabantwana.

Kubalulekile ukuba singaziqhubi sodwa ezi ncoko ngabantwana. Kufuneka nabo sibanike iqonga lokuba bazivakalise; bathethe ngeengxaki zabo kunye nezinto abazibona ngathi zihamba gwenxa ekuhlaleni. Izikolo zinendima enkulu ezinokuyidlala kwindlela abantwana abaphila ngayo.

Elona xesha abantwana abakhuseleka ngalo kwiingxaki zasekuhlaleni kuxa besesikolweni. Ewe, esikolweni abantwana baye badibane nabanye abantwana abakhuliswe ngeendlela ezahlukeneyo bafundisane ezo zinto, kodwa inqabile into yokuva kusithiwa umntwana ubulewe esikolweni.

Ixesha lokuthi abazali mabakhulise abantwana kakuhle lagqitha; ixesha yinto apha engathi abanayo. Iphinde ibekwangababazali abaxhaphaza abantwana babo.

Siyathemba ukuba le veki iyakuphuphuma zizisombululo zeengxaki zabantwana.