Ivumba lelindle kwirenki yasePort Alfred

Abasthengisi kwirenki yeeteksi yasePort Alfred, bebonisa ngomjelo wamanzi anuka ilindle.

Bakhala ngamanzi anuka ilindle abaqhubi kunye nabanikazi bezithuthi zikawonke-wonke kwirenki ekwidolophu yasePort Alfred.

UNkosinathi Ntango ongomnye wabaqhubi beeteksi uthe le ngxaki iqale kwiinyanga ezintathu ezigqithileyo, kwaye ababoni sisombululo nangona bawazisa uMasipala waseNdlambe.

Uqhube wathi, “Emva kwethutyana siyile kubo (kwamasipala) bathumela abasebenzi babo ukuba bazokuyilungisa kodwa zange kuphele nosuku sabona amanzi sele egcwele apha erenkini.”

Basola ukuba la manzi asuka komnye woophayiphi ohambisa ilindle, nangona bengaliboni lona kodwa kunzima nokuba batye ngenxa yelivumba.

La meko seyenze kwanzima kwabo bathengisa kule renki. Omnye woomama abathengisa apha uthi le ngxaki iyababetha kakhulu amashishini abo kuba abantu abasathengi ngendlela ababeqhele ukuthenga ngayo.

Uqhube wathi, “Thina ngabanye sithengisa ukutya okuvuthiweyo ekufuneka sikupheke apha ngoku abantu abasathengi kakuhle tuu kuba kaloku kunuka ilindle.”

Omnye wabaqhubi beetaxi uthe umasipala uNdlambe akakhathali kuba abasebenzi bakhona kudala bebona ukuba le ndlela bayilungisayo ngayo ayisebenzi, kuba akupheli nosuku lle nto ilungisiwe.

Ukwathe banukelwa lilindle, bengenazo nezindlu zangasese kule renki, sele zinenyanga zingasasebenzi, kwaye nazo azilungiswa.

Uqhube wathi, “Akukhathalwa tuu ngumasipala xa sifuna ukuzikhulula sisebenzisa izindlu zangasese zakwaPick * Pay, kodwa ngeloxesha sifuqwa livumba lelindle eyingelilo nelethu.”

Isithethi sikamasipala waseNdlambe uKhululekile Mbolekwa uthe, umasipala unolwazi ngale ngxaki yamanzi anuka kule renki.

Uqhube wathi, “Le ngxaki sayiphakamela kwangenyanga ababefike ngayo, kodwa ke besingayazi ukuba isaqhubeka.”

Ukwathe, “Nangona singaqinisekanga ngowona nobangela sisola ukuba umbhobho ohambisa ilindle kula ndawo mncinane okanye kukhona izinto eziwuvalileyo.”

Ukwathe umasipala uzakuthumela inkampani ejongene nemibhobho ukujonga owona nobangela wale ngxaki, ukuze ilungiswe. Watsho esithi nomba wezindlu zangasese bazakuwulungisa ngokukhawuleza.

“Sizakuzama kangangoko ukuyilungisa kuba akukho mntu ekufanele ahlale kwindawo apho aphefumla ilindle”, utsho uMbolekwa.