Izakungenela uvoto ngo-2019 iContralesa

KUNGOKUSESIKWENI! Umbutho weenkosi zemveli iCongress of Traditional Leaders of South Africa (Contralesa) uzakubhalisa njengombutho wezopolitiko ungenele uvoto ngo-2019.

Namhlanje I’solezwe lingatsho ukuba iContralesa ithabathe esi sigqibo emva “kokukruquka” yiANC. Ukuthatyathwa kwesi sigqibo kufakwe umfutho kukungaqhubi kakuhle kweANC kunyulo loomasipala obelubanjwe kwinyanga yeThupha.

“Sikruquke kakhulu yiANC engavumi kusimamela, engafazekisi zigqibo zayo futhi engakhathalelanga bantu,” utshilo okwisigqeba solawulo seContralesa kuzwelonke.

Sithetha nje iContralesa ikwinkqubo yokubhalisa iqela lezopolitiko elizakungenela unyulo ngo-2019. “Sidiniwe yiANC, into ezakwenzeka ngoku kukuba sakudibana kunyulo ngo-2019,” utshilo okwisigqeba seContralesa.

IContralesa ngumbutho weenkosi oqale ngo-1987, owasekwa ngenkxaso engummangaliso yeUnited Democratic Front kwaneANC. Ukusukela ngoko, iContralesa ibithe gqolo ukuxhasa iANC, apho iinkosi bezivula amakomkhulu okuba igaye inkxaso iANC.

Kumnatha wayo wonxibelelwano (website) iContralesa iziqhayisa njengombutho omele zonke iinkosi zoMzantsi Afrika.

Kutshanje iContralesa ithe yabamba indibano nesigqeba solawulo seANC yaseMpuma Koloni. Le ndibano ibibanjelwe eCalata House eQonce. Abemithombo ethembekileyo baxelele I’solezwe ukuba kukulendibano apho iContralesa ithe yaveza ukuxhalaba kwayo yindlela eqhuba ngayo izinto iANC.

IContralesa izakubamba indibano yebhunga kazwelonke (National General Council) ezakubanjelwa eRhawutini ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga, apho sibhengezo sokucebuka kubuhlakani neANC sizakuthi saziswe ngokusesikweni.