Izimvo Zabantsundu: ezisuka kubafundi bephepha

* Ndingumthandi wephephandaba I’solezwe lesiXhosa kuba liyasifundisa lisakha ndithi make ndivakalise ukungonwabi yimpatho yamadoda malunga nesifo uGawulayo. Ayasihlukumeza amadoda thina manina akonqeni ukungafuni Dyasi yomkhwenyana aphinde angafuni kuhlola gazi noko le nto thina bantu bathanda impilo yethu isihlalisa kakubi nakule mitshato kuba siziva singakhuselekanga. N Mlonywa, eLusikisiki

* Besicela umasipala walapha ayeke ukusithathela izinto zalapha azise eCumakala, iyaphuhla yona. Thina apha eCathcart siyasokola asinazindlu, izitalato, nditsho nombane awukho eNdlovini, iipali zombane zasiwa eCumakala. Ongafunanga ukuchazwa, Cathcart

* Ndibulela kuluntu laseEmmanuel Haven Health Facility pha eN.U. 12B. Ndibulela ngenkxaso xeshikweni ndisebenza ngokukhuthala ndingafumani kwanto engumvuzo. Umbulelo ongazenzisiyo! Mnu. M Ramolahlei Ward 54, Mdantsane

* Ndiyalithanda iphephandaba lenu, ziphakwa zishushu ndilifunda rhoqo apha eMthatha liyandichaza kwicala leziduko, ndithi xa ndizifunda ndiphawule ukuba abantu bayazalana nyhani. Nombulelo Sikhulume, Flagstaff

* Enkosi kakhulu ngeendaba zenu, bendiqala ukudibana nephephandaba lenu. Ndininqwenelela impilo entle nonyaka ozele iintsikelelo namathamsanqa. PHAMBILI MZONTSUNDU! Mnu. Dyasi eKapa

Ingaba ufuna sipapashe izimvo nezigxeko-ncomo zakho kwiphepha? Zithumele ngoWhatsapp ku 063 743 9538 okanye ku isibhalo@inl.co.za