Keep it 100: Sukuthenga icuba lomgunyathi

Abemi boMzantsi Afrika ngamayolisa. Badume ngobuhlobo nobubele, sikwangabo nabadali bempixano. Banodlamko nangamaxesh’ anzima, sikwangabo noonobangela beengcinga ezimbi nokutshabalala kwethemba.

Iindwendwe zitsalwa yimfudumalo nokukhuthala kwethu, ziphinde zothuswe yinzondelelo esinayo yokwehlisa ilizwe lethu.

Ngoko, noxa siphumele kumathuba anzima ukuzuza inkululeko yethu, ngamany’ amaxesha siyakwazi ukubonakala singakhathali kwaye sidakumbe xa izinto zingasihambeli kakuhle.

Iziphumo zoko kukonqena kwindlela esicinga ngayo ngeenzima esijamelana nazo, nto esivimba ekubeni sisombulule iingxaki zethu ngendlela engcono.

Okuvamileyo, xa sifikelwa lutshaba, siye sikhangele umoni phambi kokufuna unobangela. Ukukhombana ngeminwe yinto yexesha eladlulayo, nokuba oko kunento yokwenza ngendlela aqhuba ngayo amaqela wethu ezemidlalo, ubume bethu kwezoqoqosho okanye izinga lolwaphulo-mthetho.

Lo mkhwa unendlela yokusikhwebula ekucingeni ngokuzikisayo ukuba thina, ngokunokwethu, singenza ntoni ukubane galelo kwizisombululo.

Ngelizinga, bonke ububi obusirhangqileyo busezakuba nathi kwiminyaka ezayo. Umzekelo, sihlala sikhalazela ulwaphulo-mthetho, kodwa siphule loo mthetho thina kuqala sakubase khusini.

Bangaphi apha kuthi abathetha kwiimfono-mfono ngelixa beqhuba, baqhube phantsi kweempembelelo, okanye amatyala ethu okuqhuba ngesantya esiphezulu siwatyeshele? Ezo mpazamo zinjalo, ngokwenene, azinakulinganiswa nezo zinto sifunda ngazo umhla nezolo emaphepheni, kungenjalo sizizalanise ngelithi akukho bani unyulu.

Kodwa nasekubeni kunjalo, xa abantu besenza iintlawulo ngeempazamo zabo, bavumela nabanye benze njalo, besebenzisa isikali sokulinganisa ubungakanani betyala? Ingaba ikhona into efana nesifo esithile sokuziphatha selizwe, apho uthe wosuleleka, ubani akhubazeke okanye abesi siqhwala?

Okanye mhlawumbi abantu xa bethabatha uxanduva ngoko banako ukulawula, baze abantu ababangqongileyo balinganise oko ukuze izinto zitshintshele kwisimo esingcono?

Le yimibuzo ekufanele sizibuze yona ukuze sibe sinako ukuphepha ukuphela kwethemba. Ayikokuba sidala imo yonxunguphalo, kodwa amanyathelo ethu aye asikhokelele kulwaphulo-mthetho.

Ngaphandle kwemarike esele ilungile yempahla ebiweyo odibana nayo kwizitalato nakwiipaki zeemoto kwilizwe jikelele, ukusuka kwiimfono-mfono eziphathwayo ukuya kwiidimasi, bekungasoze kubekho qoqosho lokuxhasa loo marike abaqhekezi nabaxhwili bezipaji abayisebenzelayo.

Ngabantu abafana nam nawe abathenga ezi zinto, bambi baphinde babengamaxhoba olu lwaphulo-mthetho lunye baluphuhlisayo.

Abo baqhekezi bezindlu namasela arhwebesha iimali bathunywa ngabanye abazimeleyo, abanesandla kwinto yonke – ukusuka kuthutyeleziso lweziyobisi, urhwebelwano ngezesondo nobuqhophololo.

Xa siqala ukuchuba amaxolo asohlula kwezi zaphuli-mthetho, oko kuye kubhidlike ngophanyazo. Umrhwebi nalowo ungumrhumrheki, usingapolisa, umlawuli oyintloko onesithukuthezi, umthengisi ngezesondo othutyelezisiweyo, abalobi bamangquba – bonke bavaleleke ndawen’ inye, elowo nalowo ekhomb’ omny’ esweni ngesenzo sakhe.

Urhwebo kumdiza ongekho mthethweni ngomnye wemizekelo. Kulula – akunabungozi – ukuthenga ipakethi yeesigarethi kumthengisi ome ekoneni ngenxa yesaphulelo kwixabiso elenyukayo.

Khawuhlolisise kakuhle olu rhwebelwano, noxa kunjalo, uyakufumanisa ukuba loyamene nolwaphulo-mthetho olusitheleyo, ndingayibali ke ilahleko kwirhafu engabhatalwanga ngezi mveliso efikelela kwi-R6 billion ngonyaka.

Ezo bhiliyoni zinegalelo kuhlahlo-lwabiwo olukhulayo, nto ethi ibe negalelo kuqoqosho lwethu, igalelo ekukhuleni kwabo, ibene galelo kwintswela-ngqesho nendlala.

Ngamanye amazwi, ayikho into ebizwa ulwaphulo-mthetho olungenamaxhoba. Njengelitye oluphoswa equleni lamanzi, oko kwenze izangqa ezivulekileyo, zidibane kwaye ziqokelele amaza weso senzo sobubi de kuphazamiseke yonk’indawo.

Iziphoso zethu esizibona zincinci ziyinxalenye yezo zikhulu, ngaphandle kokuba abanye bethu baye bangayisi-so into yokuthobela umthetho kwaye bakhuthaze abanye ukuba benze oko.

Yiyo lo nto thina siyiBritish American Tobacco SA sisungule iphulo lokubongoza uluntu ukuba luzikhwebule kwizenzo zolwaphulo-mthetho kwiphulo elibizwa “#Keep it 100”.

Silisungule ngebhodi enkulu eRhawutini, ukubonisa ukoyamana phakathi kokuthengiswa kweesigarethi ezingekho mthethweni nezikolo, kumathala eencwadi nasezibhedlele ebezinokwakhiwa ngemali yerhafu emka nomsi.

Iphulo lethu lingeesigarethi ezingekho mthethweni, ukubonisa ukuba uluntu lunganceda njani ngokuthenga ezo mveliso zisemthethweni kuphela, kodwa umyalezo usiya kwihlabathi jikelele.

Ukuba thina sobabini, siyala kwezi zinto sizinikwa zizaphuli-mthetho, ukuba siyaqalisa ukujonga amanyathelo wethu esifuna ukuwabona nakwabanye, ukuba siyayeka ukwenza ngathi amatyala amancinane awananto yakwenza noku sijamelene nako, singawenza umehluko.

Masibenegalelo kwizisombululo endaweni yokukhalaza njalo ngeengxaki zethu. Thina, sililizwe, siphumele kwizinto ezinzima ngokulwela oko sikholelwa kuko. Masenzeni oko kwakhona ngaphambi kokuba izaphuli-mthetho zithathe indawo. “Keep it 100”

*Joe Heshu, Head of External Affairs, British American Tobacco South Africa