Khusela umzi wakho kulwaphulo mthetho

Isithethi samapolisa aseMonti uLieutenant Colonel Mtati Tana ubongoza uluntu lwalo mmandla ekubeni luhlale luthe qwa ngawo onke amaxesha xa lusezindlini lungavuleli nabani na emnyango.

Uthi sele befumene izikhalazo eziliqela eziphuma kuluntu abakhalela ukuthathelwa ngabantu abankqonkqoza eminyangweni abazenza abasebenzi abahambisa iipasele kuba befuna ukungena bengotsotsi bangene bathathe konke abakufunayo.

Enye yezinto abongoza ukuba uluntu luyenze kukuba abantu mababenazo iinombolo-mbhalo zekhamera, Laptop, iiwotshi kwakunye nomabonakude ukulungiselela lowo ubelweyo akwazi ukuyohlula into yakhe xa isemapoliseni.

“Eyona nto sithe sayiqaphela singamapolisa kukuba abantu bethu abazazi iinombolo-mbhalo zezixhobo zabo xa beyokufaka isikhalo okanye beyovula ityala emapoliseni, kungoko sibongoza ukuba mabahlale benazo.

“Oku kungenza lula ukuba naxa sele ibiwe akwazi amapolisa ukuyibamba okanye xa umntu engaqinisekanga ayokuyibuza kwivenkile leyo wayeyithenge kuyo,” utshilo uTana, ekwabongoza uluntu laseMonti ukuba maluhlale lutshixile ezindlini ngamaxesha onke.