Kugrogriswa amanxila namasela eBhayi

Umasipala waseNelson Mandela ulumkise amanxila nezigila-mkhuba ezincwase ukuya kubhadazelela ngasedolophini naselwandle zixway’ iimpazamo ukuba zilumke kuba uqule waligangatha.

Oku kuvakele ngethuba amagosa esebe lezokhuseleko kulo masipala ebambisene namapolisa (SAPS) esungula isizini yohlobo kwindawo ebizwa ngokuba yiHobie Beach kunxweme lwaseSummerstrand eBhayi.

Kulo msitho izithethi zigxininise ukuba kulo nyaka akuzi kudlalwa koko kuzakuthotyelwa umthetho kungenjalo kuzakugqejwa iziphazamisi, kuvalelwe umntu eziseleni zamapolisa.

Ehlomla, uMeyija Dawie Rabie, uthe ukuqalela ngomhla weshumi elinesithandathu ukuya kwinyanga yoMqungu, amapolisa awazi kulala kuba azakuxhwarha kwangentseni emisa iimoto eziyayo nezibuyayo, esithi bazakujikeleza kuwo onke amanxweme amakhulu neendawo ezinempithizelo eninzi.

“Sifuna ukubabeka ezingqondweni kwangoku bazi ukuba asizokuba phefumlisa, liphelile ixesha loonqevu ngoku. Uhambise wathi isixeko saseBhayi neMetro iyonke ihleli isamkela abakhenkethi kwaye nakule sizini baza kugaleleka, esithi kubalulekile ukuba bakonwabele ukuba ziindwendwe kule ndawo.

Okhokela isebe lezokhuseleko nolilungu lekomiti kasodolophu uJohn Best, uthe phezu kwamagosa obambo-cwangco azakuthunyelwa ukuba ayokugada kwezi ndawo, umasipala wakhe uqashe malunga namashumi mabini olutsha azakuhamba ngeenyawo ezakusebenza njengoonozakuzaku besalathisa abantu nabakhenkethi jikelele iindawo, bekhuthaza nokuthotyelwa komthetho kubahambeli kwiindawo zotyelelo.

Uhambise wathi phakathi kwamapolisa azakuba ngookhala kukwakho nabaza kuqhuba iibhayisekile, amahashe nezithuthuthu.

USinethemba Jucwa uthe umasipala ubaxhobise nangeefowuni ukuze bakwazi ukuqhagamshelana namapolisa ngethuba kudingeka uncedo.