Kulephuza uyolo eKiwane Resort

Ivulwe ngokusesikweni iHotela iKiwane Holiday Resorts eTsholomnqa imifanekiso : BHEKI RADEBE

KWIINTSUKWANA nje ezimbalwa ngethuba kulungiselelwa umsitho wokuphehlelelwa kwendawo yokuzonwabisa kulwandle lwaseKiwane eTsholomnqa eMonti, kukho mntu othile obone intlanzi enkulu kunene kungqamano lomlambo waseKiwane nolwandle ze wayithiyisela wayibamba yojiwa yonwatyelwa bamunca iintupha yincasa yayo.

Le ke yindlela ubani anokulindela ngayo ulonwabo, olucwangcisiweyo nolungacwangciswanga, xa ivulelwa eluntwini ngokusesikweni iKiwane Beach Resort.

NgoMvulo wale veki umasipala iBuffalo City uthe waphehlelela le ndawo ngokusesikweni emva kokwakhiwa kwezindlu zokwamkela abakhenkethi kwaneendawo zoyolo kule ndawo.

IKiwane Beach Resort iselalini kungqamano lomlambo nolwandle kumgama weekhilomitha ezilishumi elinesine xa usuka ku-R72. Ipholile, ibethwa yimpepho yolwandle, ikhala izandi zeentlobo ngeentlobo zentaka kwanelovumba lemithi yendalo.

Izindlu zokwamkela iindwendwe eKiwane zithiywe ngezityalo kwanezilwanyana ezifumaneka kule ndawo, umzekelo umnquma, intsikizi, umvundla, njalo njalo.

Kuninzi oza kufumana njengomkhenkethi xa utyelele le ndawo mhla sele ivuliwe ukusukela kweyeNkanga kulo nyaka. Ungaqubha elwandle, ukhwele isikhitshane kwichweba, wonwabele indalo, umamele izandi zeentlobo ngeentlobo zentaka futhi ulobe neentlanzi.

Kukwakho nendawo yokudlala abantwana, indawo yokoja inyama, indawo ethengisa ukutya neziselo kwanendawo yePicnic.

USodolophu waseBCM uXola Pakati uthi le ndawo luphawu lwetyathanga phakathi kwezokhenketho nophuhliso lwamaphandle.

“Oku kukwabonisa ukuba kwibhunga likamasipala, asirhulumenteli bantu basedolophini kuphela,” utshilo uPakati ekwabongoza uluntu ukuba luyikhathalele le ndawo.

Ngobusuku nje obunye, izindlu zokwamkela iindwendwe eKiwane Beach Resort ziza kukwazi ukulalisa abantu abangamashumi amathandathu anesibhozo, utshilo uPakati.

USodolophu ukwathe kukwakho nendawo yokubambela iindibano egqityezelwayo neza kuthwala umyinge wabantu abakwikhulu elinamashumi amahlanu. Ngethuba isakhiwa, abantu abakwikhulu elinamashumi amathandathu anesine (164) bathe bafumana ingqesho.

UPakati uthi xa sele iqalile ukusebenza le ndawo kweyeNkanga, kuza kube kuqeshwe abantu abangamashumi amabini anesine ukunika inkonzo kubakhenkethi.

Iphakathi lekomkhulu lale ndawo, uLimile Tungu, ethethela uNkosi Nongenile Phatho, uthi balithakazelela kakhulu eli nyathelo leBCM kuba lenziwe ngokusebenzisana nabo, esithi amathuba engqesho azakudaleka angalikhubalo lokuphelisa umkhuba wolwaphulomthetho kule ndawo.

UNoludwe Ncokazi, intloko yecandelo lophuhliso lweqoqosho nee-arhente eBCM, uthi eli nyathelo lokuphuculwa kweKiwane Beach Resort lixhaswe ngemali yiBCM emva kokuqaphela ukuba lo masipala uyasilela kukhenketho ngokwezoyolo.

“Sinazo iindawo zokulala ezifana ne-ICC kodwa siqaphele ukuba akwanelanga. Ukhenketho ayikokulala qha, kufuneka kubekho iintshukumo zokutsala abantu. Abantu abakhenketheli kulala kuphela, bafuna ulonwabo nokuphumza ingqondo,” utshilo uNcokazi.

Umasipala waseBCM nguwo ozakujongana nokusebenza kweKiwane Beach Resort kuquka nokunikeza ngenkonzo yokwamkela nokulalisa abakhenkethi, ze okunye okufana nokukhwelisa iibhayisekile nezikhitshane abakhenkethi ibeluxanduva lwamashishini abucala.

UNcokazi ukwathe baqinisekile ngokhuseleko lwabakhenkethi esithi kufakelwe iikhamera kwaye kukwakho noonogada esangweni.

Uthi abasakulindileyo kwezi veki zine zizayo kukubekwa ibakala lenkwenkwezi (star grading) libhunga lezokhenketho elithwaliswe elo xanduva.

Kwizindlu zale ndawo, ubani angeza nosapho lwakhe. Ngokohlukana kwamaxabiso nobukhulu, zikwakhona izindlu zokuthwala usapho ezinamagumbi amabini okulala, ikhitshi kwanendawo yokubukela umabonakude.

Ezinye ke izindlu zenzelwe abalingane, logama ezinye zenzelwe ukwamkela abo bakhubazekileyo.