Kusathe cwaka eLusikisiki emva kweziganeko zolwaphulo-mthetho

Abahlali bommandla waseLusikisiki owonganyelwe ziziganeko zokubulawa nokudlwengulwa kwabantu
lulutsha oluzibiza aMavondo, bathi imeko isabuyele esiqhelweni ikwathembisa kulandela ukubanjwa kwamadoda amathandathu ngempela veki.

Ngabahlali abebe lugcwabevu ngumsindo kule ndawo ababethe batshisa baze babulala indoda, logama amathandathu ehlangulwe ngamapolisa.

Ngokwengxelo, lo mkhuba sele uneminyaka uqhubeka nto leyo idale abahlali bathathele umthetho ezandleni kulandela ukubulawa kwabantu abathathu kwiveki ephelileyo. Ukanti ngempela veki kuhlatywe umfundi weziko loqeqesho iNgqungqushe, amantombazana amathathu athe adlwengulwa.

Amanye amaxhoba ahlatywa, abulawa kwiindawo ahlala kuzo kodwa kungabikho mntu ubanjwa ngamapolisa.

Inkokheli yabahlali uElizabeth Swartz, uthi bathathe inyathelo lokuzikhusela emva kokuba ngamaxhoba ezikrelemnqa ezikhangela igazi labantu. “Akuhambeki ebusuku kubantu abasuka emisebenzini bayadlwengulwa bayabulawa.

Abantwana bahlaba basele igazi lamaxhoba lonto ibonakala njengomoya kaSathana. Asinakuhlala sibukele sibulawa ngootsotsi,” utshilo Swartz. Ilali ezichaphazelekayo zingaphaya kweshumi ziquka Mantsini, Malizole nezinye.
Amapolisa kulindeleke ayokubamba iphulo lokufundisa ngolwaphulo mthetho kwiziko loqeqesho laseNgqungqushe.
USwartz ukwathe ” Amapolisa kudala sawaxelela ngeziganeko ezinje kodwa akathathi manyathelo. Ukuthathela umthetho ezandleni kwenze umahluko kule ndawo batsho babanjwa.”

Iingxelo zithi abarhanelwa banamabhanti abawafaka ezihlahleni kwaye banexhwele labo elibakhuselayo.
Abarhanelwa bavele kancinane enkundleni yamatyala eLusikisiki izolo (Mvulo). Bekungekacaci limiselwe usuku lwanini elityala.

Isithethi samapolisa eLusikisiki uKapteni Mduduzi Godlwana akafumanekanga ukuphefumla ngezizathu zokurhuqa inyawo kwamapolisa.