Kuthengwe ii-ambulensi ezintsha ukunciphisa ingqumbo yabahlali

Umphathiswa wezempilo eMpuma Koloni uGqr. Pumza Dyantyi, emveni kokunikisa ngee-Ambulensi ephondweni ekwisikhululo see-ambulensi eMonti

KWIINZAME zokunqanda ingqumbo yabantu abatyhola urhulumente wephondo ngokusilela ekusabeleni kwangethuba xa abantu befuna iinkonzo zeenqwelo zezigulana, isebe lezempilo likhuphe imigrugra yee-ambulensi ezizakusebenza ezilalini.

“Iba yingxaki futhi yinto engamkelekanga xa abantu bakuthi befowunela i-ambulensi emva koko umntu alinde iiyure eziliqela kungekho ncedo. Ngokuthenga ezi-ambulensi zintsha, sizama ukuvala lo msantsa,” utshilo uMphathiswa wezempilo uGqirha Pumza Dyantyi.

Zimalunga namashumi amathathu anesibini iinqwelo zezigulana ezithe zanikezelwa eluntwini nguDyantyi kule veki.

UDyantyi uthi ezinye iinqwelo ezingaphaya kwekhulu ziza kukhutshwa kungekudala.

UDyantyi uthi ezi nqwelo zezigulana ziza kuya isikakhulu emaphandleni, ingakumbi kummandla waseJoe Gqabi nase-Amathole.

“Eyona nto ibuhlungu sisoloko sisongeza, ngoba kaloku ii-ambulensi zethu ziyakhawuleza ukonakala ngenxa yeendlela zethu ezingentlanga. Siyalenza uthetha-thethwano nesebe lezendlela ukukhawulelana nale meko,” utshilo uDyantyi.

Isebe lezempilo ephondweni likhe lajongana nemidliwo esuka kubantu abakhalaza ngempatho-mbi abayifumana kumagosa eli sebe, apho lithe laphulukana nezigidi ngezigidi zeerandi.

Ephawula ngoku, uDyantyi uthe: “Sizama ukulwa into efana naleyo kuba kaloku xa kukho ii-ambulensi eziliqela, akukho bantu bazakukhalaza ngokuphathwa kakubi.”

UDyantyi ukhuthaze abahlali abafuna uncedo lwe-ambulensi ukuba batsalele inombolo engu: 10177.