Liphinde lamiswa ityala le ngcibi eyabulala umkhwetha

Ingcibi ejongene netyala lokubulala umkhetha uAvuyile Mfitshi.

Limiselwe inyanga yoMdumba kunyaka ozayo ityala lengcibi kwakunye noogxa bayo ababini, yinkundla kamantyi eNgqeleni. Esi sithathu sijongene nezityholo zokubetha sibulale umkhwetha, nokubetha ngenjongo yokwenzakalisa abakhwetha abane. Ingcibi uAvuyile Mfitshi ekunye noogxa bakhe ababini uLihle Ntsunte kunye noSiphamandla noPlatana babetha babulala uAmahle Mhlekude, bekwenzakalisa abakhwetha abane ngokumasikizi, nokwakhokelela ukuba bachithe iinyanga ezintandathu esibhedlele emva kwesi siganeko.

Esi siganeko senzeka kwinyaka yeKhala kunyaka ophelileyo kwibhuma ekuvakala ukuba yayingekho mthethweni kwilali iQhokama eNgqeleni. Iingxelo zidiza ukuba amaxhoba ahlaselwa kuba ayetyala ingcibi imali emva kokuba iboluse ngetyala. Amaxhoba athi ayenesivumelwano sokoluswa ngetyala yile ngcibi. Esi sithathu besivele kule nkundla ebutsheni bale veki.

Amangqina achazele inkundla ngokwenzekayo ebhumeni ngobusuku bomhla weshumi elinanye kweyeKhala kunyaka ophelileyo.

Ingqina elise lula uPhila Mdumbi one-16 leminyaka ubudala, ophuma kwilali iSidanda eNgqeleni, nongomnye wamaxhoba okubethwa sesi sithathu, uxelele inkundla ukuba uMfitshi akazange afumane mvume yabazali yokubolusa kuba babeselula ngeminyaka.

UMdumbi uxelele inkundla ngokwenzeka ebhumeni esithi; ”Kwafika uAvuyile Mfitshi ngobusuku wafuna imali yentlawulo, sakumxelela ukuba asinayo sizakumbhatala sisophuma ngokwesivumelwano. Waqala kuNcedo Madlala wambetha ngentonga wasibetha sonke thina sasingabhatalanga. Waphinda wayalela uSiphamandla noLihle nabanye abakhwetha ukuba basibethe basibethe.”

Umtshutshisi uGugulethu Madubela ubuze elingqina ngemeko kaMfitshi ngethuba efika ebhumeni ngobusuku. UMdumbi uphendule wathi, uMfitshi wayenxilile ngethuba egaleleka ebhumeni, apho wafika wababethela ugqirha nezicaka de wasweleka uAmahle Mhlekude.

Ubungqina bakhe buxhasa obunikwe le nkundla nguNcedo Madlala olelinye lamaxhoba kweli tyala kwinyanga ephelileyo. UMadlala waxelela inkundla ukuba babethwa isithuba esingangeeyure ezintathu. Wadiza nokuba umfi wafa isiqaqa bamgalela amanzi, wasweleka kamva esibhedlele. Igqwetha likaMfitshi uMnumzana uFord ucele ukuba limiswe elityala ebalula ukungaphili kwakhe. Namanye amagqwetha abarhanelwa avumelene ngeso sigqibo. Kusalindeleke ukuba inkundla ibize uthotho lwamangqina xa libuyela enkundleni eli tyala kunyaka ozayo.

Limiselwe unyaka ozayo eli tyala ngesizathu sokugcwala komqulu wamatyala kule nkundla.

UMfitshi usagcinwe eluvalelweni logama oogxa bakhe uLihle noSiphamandla bengaphandle ngebheyile.