Litshele endlini yalo labhubha ixhegwazana

ixhegwazana elinamashumi asibhozo anesihlanu ubudala nelihlala lodwa kwilali yaseThongwane eGcuwa, litshe labhubha ngumlilo kwindlu yalo.

Ingxelo ithi abamelwane babone idangatya lomlilo lidwanguza kwindlu yexhegwazana emva kwentsimbi yeshumi ebusuku ngoLwesithathu.

UKapteni Jackson Manatha uthi ixhoba eli, nelihlala lodwa emzini walo kuvakala ukuba belipheka.

UManatha uthi kuncede abahlali emva kokubona umlilo baleqa, nangona nje bafike sele libhubhele ngaphakathi ixhegwazana.

Uthi kusaphandwa kuba akukaqinisekiswa ukuba kutshise isitovu ngethuba ixhoba lipheka nokuba liye labiwa bubuthongo kusini na.

Amapolisa aseGcuwa avule idokethi lophando. Igama lexhegwazana alikachazwa konoondaba njengoko kusekutsha kwaye izihlobo zingekaziswa zonke.