Lityelela uMadikizela-Mandela ikomkhulu lamaMpondo

Lizakutyelela unkosikazi uWinnie Madikizela-Mandela ekhayeni lakhe eliseSoweto ikomkhulu lamaMpondo aseQawukeni ngoMgqibelo wale veki.

Ingxelo yela komkhulu ithi olutyelelo lubangelwe yimpilo engentlanga kule nkosazana yasemaMpondweni, kwaye bazibona benoxanduva lokuyivelela.

UNkosi Dumisani Gwadiso uthi abakaqiniseki ngenani leenkosi eziphuma emaMpondweni ezizakuba yinxalenye yeligqiza leenkosi.

“Silikomkhulu lamaMpondo sinoxanduva lokuba sibonise ukukhathala xa inkosana enjengoWinnie inengxaki yempilo. Ngumntwana walapha emaMpondweni lowa ngoko simele ukuba sibonise ukukhathala,” uthethe watsho uGwadiso.

UNkosikazi Winnie Madikizela-Mandela uphume engena ezibhedlele ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo ngenxa yokuxikixwa yimpilo.

UMadikizela-Mandela uzalwa lusapho lasebukhosini kwaMadikizela eMbizana oluphantsi kobukumkani bamaMpondo, itsho ingxelo.

Othethela ubukumkani bamaMpondo eQawukeni uNkosazana Wezizwe Sigcau uthi kukho ukuhlobana ngegazi phakathi kwabo noMadikizela-Mandela.

“UWinnie lo kaloku uninakhulu yintombi yalapha ekhaya, intombi yakhe iphinde yendela kwikomkhulu lakwaSobhuza apho izalwa khona iKumkanikazi yamaMpondo uLambekiso Masobhuza Sigcau,”utshilo uSigcau.

Ingxelo yeli komkhulu ithi uMadikizela-Mandela uzakuvavwa ngesinxibo esisodwa sesizwe samaMpondo. “Phakathi kwezipho esijonge ukumnika zona, sizakumnika isinxibo salapha emaMpondweni nje ngomntwana nentombi yamaMpondo,” utsho uSigcau.

Eli komkhulu lithi lizimisele ukuvuselela ubushushu nokusondelelana kunye nekhaya likaMadikizela nje ngoko kwakunjalo ngaphambili.

“Usuku olu lokutyelela kuye lichongwe nguye nosapho lakhe esithi kuza ixesha lokuba axakeke ngamandla yimicimbi yakhe yabucala,” ucacise watsho uSigcau.

Usapho lakwaMadikizela ziiNkosi zesizwe samaNgutyana eMbizana nakwezinye idolophu zasemaMpondweni.

Isizwe samaNgutyana kulapho azalwa khona owayesakuba ngumongameli wombutho weANC uOliver Reginald Tambo.