Mine iminyaka wacambalala unozala wenkululeko

Inkulumbuso uPhumulo Masualle phakathi kukaNomakhosazana Meth noMlibo Qoboshiyane, eMthatha Umfanekiso: Mabini Mpuhlu

Usapho lakwaMandela lihlaba ikhwelo lomanyano, uthando nenzolo kubemi bonke beli loMzantsi Afrika.

Oku kuthethwe ngumzukulwana wongasekhoyo uDalibhunga, uNelson Rholihlahla Mandela, uNdaba Mandela, ngethuba edlulisa umyalezo wosapho kwimibhiyozo yeminyaka emine lacambalalayo eli gorha nebibanjelwe eNelson Mandela Museum esembindini wedolophu yaseMthatha ngoLwesibini.

Uthe endaweni yokuba kuhlukunyezwane, isizwe esintsundu masihambe ezinyaweni zeli qhawe, sizinikele ekuveliseni izifundiswa eziyakukhuphisana ezizweni.

Lo msitho ubunjongo zikukukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo kweli, kwaye oku kubonakaliswe ngomboniso wokukhululela amahobe alikhulu amhlophe qhwa! emoyeni.

UNdaba ucaphule kumazwi athethwa ngowayengumongameli waseMelika uBarack Obama ngethuba kukhunjulwa uDalibhunga esithi, “Singangaphindi sibafumane abanye ooNelson Mandela, kodwa ngenxa yomzekelo asishiye nawo sinoxanduva lokuhlalisana ngothando asinike lona”.

UNkosi uZanothando othethele ubukumkani babaThembu endaweni kaZanelizwe ‘Azenathi’ Dalindyebo, ukhalimele imikhwa yokubethwa kwamanina ngelithi, umfazi ubethwa ngetshefu ‘nekiss’, nto leyo ishiye inginginya ichwayitile, emana ukuyiphinda umphathi-nkqubo, uPemmy Majodina.

Phantse zonke izithethi zikhumbule uthando lwakhe lwabantwana, nekusesona sizathu esenze bonke bancamathele kumba wokuhlukunyezwa nokubulawa ngokungenalusini kwabantwana.

Olu suku lufika kanye xa ilizwe lisothuswe yingxelo yomkhuseli woluntu uBusisiwe Mkhwebane, ngokwehliswa kwezigidi ngomlenze, ngethuba kufihlwa le nkokheli ngonyaka ka2013.

Nangona kusekho ingxokolo ngalo mba , inkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle, nobesisithethi sembeko kulo msitho ume kwelithi , “Nakweyiphi intsimi zibakho izihumba”. Intetho yakhe uyiqale ngokutyityimbisela umnwe iintatheli ngelithi mazifunde phambi kokuba zibhale.

Ukuthethe oku ngeenjongo zokuphikisana nento ephume kumaqonga ezonxibelelwano ethi kwachithwa amakhulu amathathu ezigidi kumalungiselelo esi sifihlo.

Uthe ingxelo ikhankanye amashumi amabini kuphela ezigidi. Wongeze ngelithi wanika ingxelo engakrokrisiyo ngenkcitho yomngcwabo kwaye zonke iziphene ezenzekayo wazinika ingqwalasela ezifaneleyo, qha kukho igcuntswana eliqhuba inkqubo yokupolitika kuyo yonke le nyewe.

Ukubeke kwacaca ukuba i-ofisi yakhe iyamkele le ngxelo.