#NAF2017: Liza eRhini ‘iZim leToilet’!

Abadlali beqonga bomdlalo othi iZim leToiletAsathule Sowazi, Qhamokuhle Ntileka, Thulethu Nomtshathso, noThamsanqa Makeleni

ISHWANGUSHA lango-2014 elehlela umfundi kaGrade R ominyaka mihlanu kuphela phaya ePolokwane, nowatshona kumngxuma wegumbi langasese esikolweni elingekho mgangathweni – izakube ingumboniso weqonga kumnyhadala wezobugcisa kazwelonke obanjelwa kwidolophu yaseRhini minyaka le.

Lo mboniso, obizwa “iZim leToilet”, uzama ukuchukumisa isazela sabo baxhuzul’ imikhala kwisebe lezemfundo noluntu jikelele ukuze banik’ ingqwalasela ngemeko abafunda phantsi kwayo abantwana ezikolweni, ingakumbi iimeko ezingekho ntle kumagumbi wangasese.

Obhale lo mboniso, uXolisa Ngubelanga, uchubele I’solezwe ngeenjongo zokubalisa eli bali.

“Kwilizwe esiphila kulo kukho abantu abangena mthetheleli. Kulapho ke usiba lwam lungena khona.

“Ndiwubhale lo mdlalo weqonga ngeenjongo zokuba ngumthetheleli weentsana ezifunda kwiimeko ezingancumisiyo ezifana nezikolo zodaka njalo njalo.”

UNgubelanga uthi iimeko abantwana abafundela kuzo zibalulekile kwaye zinegalelo kwiziphumo zemfundo yabo.

UNgubelanga onkaba iseNgqushwa, sele ebhale imidlalo eyaziwayo eqongeni efana nalowo uthi Dinner With Bantu, FlameBook, Broken Lens neminye.

IZim leToilet ngumdlalo odlalwa ngabafundi uThulethu Nomtshathso, Thamsanqa Makeleni, Asathule Sowazi noQhamokuhle Ntileka abenza uGrade 9 ukuya kuGrade 12.

UNgubelanga uthi umyalezo walo mboniso ngowokuba wonke ubani unendima ekumele ayidlale kukhuseleko labantwana.

IZim leToilet lakube liboniswa ngqo kwiGrahamstown Arts Festival phakathi kowe-5 ukuya kowe-8 kweyeKhala.

Itikiti lixabisa iR50!