Okhule ehlaselwa ngokubhitya, nguMiss Butterworth Hawkers

Obuye nesithsaba sikaMiss Butterworth Hawkers uPretty Mqolweni uthi impumelelo yakhe iza kuthi imvulele amathuba okufumana inkxaso koosomashishini kumaphulo acinga ukuwenza, maphulo lawo ajongene nokuphuhlisa abantwana abangamantombazana abasakhulayo.

UPretty ukhule engenabo abazali uphulukene nabo eneminyaka eli14 wakhuliswa ngoomakazi bakhe. Uthi ubom abukho lula kodwa nokungabinabo abazali zange kuthobe mandla okanye kumvalele ukuba amaphupho anawo angawafezekisi.

Wenza unyaka wakhe wesithathu eFort Hare eAlice, esenza izifundo zolimo.

Kunyaka ophelileyo ebephumelele indawo yesibini kukhuphiswano lukaMiss Fort Hare.

Uthi ukufumana kwakhe isithsaba kweli tyeli kuthetha lukhulu, ngamaqalela obom obutsha kuye.

Uthi ukhule engumntu osoloko ezigxeka ekukhuleni kwakhe, ehlaselwa ngesiqu sakhe esincinci, ehlaselwa nangobubi.

“Ndilapha namhlanje, izikweko nezigxeko ezazisenziwa kum zandomeleza zandijika neengcinga endandinazo zokuhlala ndizigxeka ebomini. Namhlanje ndingumzekelo omhle ongasenguye lo wayehlaselwa,” utshilo uPretty.

Uthi amaphulo aceba ukuwenza kukulwa umba wokuthengiswa kweephedzi, uthi ufuna zifumaneke simahla njengeekhondom. Ezinye zezicwangciso zikaPretty kukutyelela nezikolo ezisemaphandleni ekhuthaza amantombazana, ekwacenga namakhwenkwe atshintshe indlela zokucinga ngamakhosikazi.

UPretty ubulele abaququzeleli bolu khuphiswano, esithi banikwa ithuba lokuziqaqambisa nokuvezwa kwetalente yabo.