Ongenele uMrs SA uthi hlala inguwe suzenza umntu ongenguye

Siwaphiwe Sonyambashe

USiwaphiwe Sonyambashe,32, welali yaseKwebulana eTsomo nophakathi kwamakhosikazi alikhulu alwela ukufika kumashumi amabini anesihlanu kukhuphiswano lukaMrs South Afrika uthi kwakule akuyo indawo oku sele kuyimpumelelo kuye.

Uthi oku sele kuthetha lukhulu ngokufika nje apho akhoyo kuba ebeqala nokuba akhe angenele ukhuphiswano olunje oko wazalwa.

“Kwaye nokuba ndingangade ndifumane sithsaba sokuba nguMrs SA akukhonto izakundenza ndihlale ndizakuqhubekeka namaphulo okukwakha nokuxhobisa amanye amakhosikazi neyinto leyo ebiyeyona njongo yokuba ndingenele olu khuphiswano,” utshilo uSonyambashe.

Le nkosikazi ithi okunye okumenze ukuba eli ithuba lolu khuphiswano angaliyeki lidlulekuye kukuba alufani nolu luqhelekileyo lokuhamba eqongeni kuphela.

Olukuphiswano injongo yalo kukukhulisa nokuxhobisa amakhosikazi atshatileyo.

USonyambashe usebenza njengomongikazi kwezinye zezibhedlele zeli phondo ungumama kwintwazana zakhe ezimbini.

Uthi kwakulo unyaka uzakube ebhiyozela unyaka wakhe wesihlanu wazimanya ngeqhina lomtshato nomyeni wakhe.

Uthi umyeni wakhe kwakunye nosapho lakhe basecaleni kwakhe sukela eqalile nale ndlela. USonyambashe kukuninzisele ekufundile kolu khuphiswano okufana nokuba abantu abangoomama kubalulekile ukuba baxhasane, bakhane ngalo lonke ixesha bangagxekani.

“Kwiingxaki esigagana nazo singoomama ukuba mhlambi ungathi uyabele omnye umfazi loo ngxaki kungatsho kuphile omnye ngokuthi ayibone ingcono eyakhe ebesoloko ecinga ukuba inkulu,” uvale ngelo uSonyambashe.

Le nkosikazi ikhuthaze amanye amakhosikazi kwakunye nabantwana abangamantombazana ekubeni xa ufuna into iba nguwe ungazami ukuzenza omnye umntu.

Kuba uthi mhlambi kukhangelwa le nto ikuwe ube wena uzenze omnye umntu uphoswe ngamathuba. Uthe angatsho ukuba eli icebo lilo elimbeke kwi top 100.

Xa ufuna ukumvotela uSonyambashe ukuze afike kwi top 25 ngomhla wamashumi amabini anesithndathu(26) kuJuni uzakuthi ucofe ubhontsi kumfdanekiso wakhe okwikhasi elithi Mrs S A ugqiba uyishere.